Baxhelekile lisikizi lobulawa komntwana

2019-08-22 06:00
Usapho nezihlobo zakwa Gqiba badibene bazokukhunga emva kokuba kufunyenwe umzimba kaAphiwe udunduluzile unamaxeba okuhlatywa kusasa nge Cawe. Ukusuka ekhohlo nguNovuyani Manyamalala. Lindiwe Mdashe, Nomanene Bovela, Nolitha Bovu, Nonkululeko Jaxa kunye Shiela Gqiba ongumama ka Aphiwe. umfanekiso: UNATHI OBOSE

Usapho nezihlobo zakwa Gqiba badibene bazokukhunga emva kokuba kufunyenwe umzimba kaAphiwe udunduluzile unamaxeba okuhlatywa kusasa nge Cawe. Ukusuka ekhohlo nguNovuyani Manyamalala. Lindiwe Mdashe, Nomanene Bovela, Nolitha Bovu, Nonkululeko Jaxa kunye Shiela Gqiba ongumama ka Aphiwe. umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Usapho lakwa Gqiba, eMfuleni, lubongoza abezomthetho ukuba benze umsebenzi wabo ukuqinisekisa ababulali belungu losapho bazamla ngaphaya kwesitshixo zentolongo.

Kudliwano-ndlebe ne City Vision, kulandela ukufunyanwa komzimba wentwazana u-Aphiwe Ggqiba (obeminyaka ili 16) ngentsasa yangeCawa, olu sapho luthe lufuna iimpendulo.

Kubikwa ukuba umzimba wale ntwazana ufunyenwe ulijaja ligazi komnye wemizi kwindawo i-Extension 6.

Ngokwengxelo yosapho, le ntwazana ibinxibe impahla yangaphantsi kuphela, logama umzimba wayo kubikwa ukuba ubuzele amanxeba. Kukholeleka ukuba uhlaselwe ngethuba esuka kwindawo yolonwabo ngentseni yesiganeko.

Othethele usapho, nokwangumntakwabo mfi, uPhumelele Gqiba uthe kukrokreleka ukuba le ntokazi idlwenguliwe phambi kokuba ibulawe. “Ibiligazi nje emzimbeni wakhe, kwaye bekukho nesitena ecaleni kwentloko yakhe nekubonakala ukuba ubethwe ngaso,” utshilo uPhumelele.

Uthe yena wavuswa ngumhlobo wakhe ngentseni ukumazisa ngalo mphanga. “Waye wandithatha wandisa kule ndawo aswelekele kuyo. Xa sifika ndambona edunduluze ngomqolo enganxibanga egqunywe nje ngezantsi kuphela. Zange ndikwazi ukumjonga hlobo eli wayelilo,” uthethe watsho Phumelele.

Umama wale ntwazana uShiela Gqiba, obekhangeleka ekhathazekile emphefumlweni, uthe into ayifunayo kukubona umthetho udlala indima yawo.

“Ndifuna umenzi wobubi avalelwe kwezimnyama izisele angaphinde aphume. Nangoku andikaxoli intliziyo yam ibuhlungu yinto eyenzekileyo emntaneni wam,” utshilo Shiela.

Umchaze u-Aphiwe njengomntwana obenothando nobethanda ukuya ecaweni.

Umelwane uNolitha Bovu uthe bengabahlali basothusiwe sesi siganeko nasichaze njenge ngesiqalayo ukwenzeka kula ndawo. Uthe bengabahlali bazimisele ukuxhasa usapho lakwa Gqiba xa kusiyiwa ezinkundleni zamatyala.

Othethela isitishi samapolisa saseMfuleni November Filander ukungqinile ukuba ixhoba lifunyenwe lihamba ngaze. “Ayikacaci okwangoku ukuba ixhoba lidlwengulwe na. Kodwa ufunyenwe onzakele ngamandla apha entloko. Ngokomkhondo awufumeneyo amapolisa sele kuvalelwe umfana oneminyaka engama 28,”utshilo uFilander.

Woleke ngelithi umrhanelwa uzakuvela kwinkundla ka mantyi yase Blue Downs.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.