Baxhotyisiwe oosomashishini

2019-08-29 06:01
Usomashishini owenza ibhegi zofele uWella Uriyo ubonisa esidlangalaleni. IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Usomashishini owenza ibhegi zofele uWella Uriyo ubonisa esidlangalaleni. IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Oosomashishini abakhasayo baseKhayelitsha, kuquka iindawo eziyingqongileyo, kunye nabantu abanomnqweno wokungena kwezoshishino badibanise iintloko kwiholo yoluntu Isiviviana, eKhayelitsha, ngoMgqibelo odlulileyo nalapho bekubanjwe khona umboniso wamashishini ukuxhobisana ngolwazi.

Lo msitho ubuququzelelwe yinkamapani enikezela ngoqeqesho koosomashishini abakhasayo Inguquko Consulting Agency ezinze eObservatory.

Mayela nama 50 oosomashishini abathe badibana kweli holo.

Usomashishini uWella Uriyo, ohlala e-Ilitha Park, nowenza iibhegi zefele, uchaze lo msitho njengoluncedo kakhulu koosomashishini abasakhasayo.

“Abasincedi nje ngolwazi basinika nethuba lokuba sibonise ngezinto esizenzayo esidlangalaleni. Kwaye yenza kubelula ukunxibelelana nabathengi,” utshilo uUriyo.

Uthe abanye oosomashishini abakhasayo bayasokola ukufumana inkxaso ngezimali kurhulumente, nto leyo yenza kungabilula kubo ukuphuhla bafane namashishini amakhulu.

Uthe eyona nto ibibethelelwa ngamandla kulo msitho yintsebenziswano phakathi koosomashishini. “Sixelelwe ukuba xa uzoqala ishishini lakho qala wenze uphando lalento ufuna ukuyenza. Bazi abathengi bakho ukuba ngobani kwaye ubenomonde,” uthethe watsho Uriyo.

U-Luthando Sibozo, isikhulu senkampani Inguquko, uwuchaze lo msitho njengoqalayo ukwenzeka eKhayelitsha.

Uthe injongo yabo kukunwenwela kwezinye iingingqi kwiphondo lonke leNtshona Koloni.

“Injongo yethu kukwenza imisitho enje kwiindawo ezahlukeneyo kweli leNtshona Koloni rhoqo emva kwenyanga ezintathu,” uthethe watsho Sibozo.

Uthe benze lo msitho ukuzama ukuvula iqonga nokunika oosomashishini abasakhasayo kunye nabantu abanomdla wokungena kwezoshishino ithuba lokwabelana ngezimvo.

Uthe baqaphele into yokuba kukho umsantsa phakathi koosomashishini abasezilokishini ngenxa yokungasebenzisani.

“Amaxesha amaninzi oosomashishini abasakhayo ababinazo iindibano zabo nje ngoosomashishini abakhulu apho babelana ngolwazi. Sifuna ukuba nceda ukuba nabo xa besenza izinto zabo benze umsebenzi oncomekayo,” uthethe watsho.

Waleke ngelithi iinkoliso yabo abanazo iimpepha ezibonisa ukuba bayisebenzisa njani imali, ingakumbi abantu abatsha.

Uthe amaxesha amaninzi baye babanxulumanise nombutho ophuhlisa ulutsha iNYDA ngesilungu ukuze bafumane uncedo lwezezimali. “Siyazinceda inkampani sizibhalise, senze ingxelo emfutshane ngenkampani leyo, ingxelo ngokwemali, senze iilogo, namakhadi eshishini kunye isihloko sencwadi,” utshilo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.