Bayakhala abadala

2018-11-29 06:01
Abahlali bacula ingoma zomzabalazo phambi kwesikhululo samapolisa. Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Abahlali bacula ingoma zomzabalazo phambi kwesikhululo samapolisa. Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ziinkonde neenkondekazi ezingaphezu kwekhulu ezithe zaqhankqalazela kwisikhululo samapolisa ase Site B ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, zityhola abakwantsasane ngokungazikhathaleli iimfuno zazo.

Ezi ngwevu neengwevukazi, neziphuma kwa wadi 91, zityhole amapolisa ngokungazihoyi, kuquka ukuphakama kade xa zine zikhalazo.

Omnye wabaqhankqalazi uMelford Mlatha (onama 69) ukhale ngelithi uqhekezelwe amatyeli amaninzi kunyaka ophelileyo, kwaze kwathatyathwa iimpahla zakhe kuquka umabonakude.

Utyhole ngelithi wavula ityala emapoliseni, kodwa alizange lihambele ndawo, kwaye azange afumane ngxelo ngalo.

U-Mlatha wongeze ngelithi akazange adibane kwa nomcuphi wetyala. “Into endandiyifumana kukugrogriswa ngaba bantwana babendiqhekezele, bemana ukudlula-dlula pha ngasendlini yam,” uchaze watsho uMlatha.

Wongeze ngelithi bafuna umphathi-sikhululo athabathe uxanduva, afake uxinezelelo kubasebenzi ukuze bayeke ukunyotha xa besabela iziganeko zolwaphulo-mthetho.

“Sithi imoto zamapolisa mazahlukane nokulala esithubeni. Mawayeke amapolisa ukufuya imoto ezindlini zawo, sithi thina xa sizifuna kuthiwe azikho okanye ziphelile kodwa zikhona,” utshilo uMlatha.

Wongeza ngelithi ipolisa ngalinye maligoduke ngemoto yalo, okanye likhwele isithuthi sika wonke-wonke.

Umphathi-sikhululo uBrigadiya Mkhuseli Nkwitshi, nothe wamnkela uxwebhu lwezikhalazo, uthembise ngokuphendula kwezi zikhalazo zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe, nabazisikelwe ngabaqhankqalazi.

“Ndizakubiza intlanganiso engxamisekileyo kunye nabaququzeleli bale matshi, ukujonga ukuba singazisombulula njani ezinye zezi zikhalazo. Ndiyaqinisekisa ukuba sizakwenza konke okusemandleni ukuba sisebenzisane naye wonke umntu wasekuhlaleni,” utshilo uNkwitshi.

Uceba we wadi uThando Mpengesi uluchaze olu qhankqalazo nje ngelijonge kwizinto ezininzi ezithi ziphazamise ukuhlala, kuquka ukubulawa kwamapolisa, ubundlobongela obuphezulu, uhlukunyezwa kwabantu abangoomama nabantwana.

Usichaze isikhululo samapolisa saseKhayelitsha njengesingenawo amandla okugcina ucwangco kwingingqi yabo.

“Amapolisa ayohluleka ukujongana neSite B iyodwa ngenxa yokuba kukho imbacu ezininzi ezenza ukuba kubenzi emapoliseni ukuwenza ngempumelelo umsebenzi wawo,” utshilo uMpengesi.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic

Jobs in Cape Town [change area]

Jobs in Western Cape region

SQL Reporter

Cape Town
Communicate Cape Town IT
R10 000.00 - R12 000.00 Per Month

Reporting Accountant

Cape Town
Network Finance Professional / Prudential
R310 000.00 - R360 000.00 Per Year

Cluster Financial Manager

Cape Town
Network Finance
R950 000.00 - R1 000 000.00 Per Year

Property [change area]

There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.