Bayakhala yindlela abulewe ngayo umtshana

2019-06-13 06:01
Umama uNoluthando Jacobs obulawelwe unyana wakhe uKwanele Jacobs ose mfanekisweni. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Umama uNoluthando Jacobs obulawelwe unyana wakhe uKwanele Jacobs ose mfanekisweni. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Luzibuza engaphendulekiyo usapho lakwa Jacobs eGugulethu emva kokuba indodana yabo ihlatywe kwahlanza iselwa ngoLwesine kwi veki ephelileyo.

U-Kwanele Jacobs kunye nabahlobo bakhe ababini Luvuyo Manyathela kunye noKwanele Ntyontyo kubikwa ukuba bahlatywe basweleka ngethuba amaqela oonqevu evana amandla kumadlaka aseNY5 eGugulethu.

Othethela amapolisa uLieutenant Colonel Adre Traut uthe ngezithuba zentsimbi yesithandathu malanga abafana abathathu abaneminyaka eyi 15 , 18 nomnye ona 18 bahlatywe basweleka ngethuba amaqela oonqevu esilwa.

Uhambise wathi isibini saba bafana sisweleke apho bebesilwela khona waze owesithathu wanikezela esibhedlele.

U – Traut uthe unobangela wesi sihelegu usaphandwa kwaye akukabikho mntu ubanjiweyo.

Ephawula ngesi sihelegu umalume ka Kwanele uMthuthuzeli Jacobs uzikhanyele ingxelo zokuba le ndodana ibiyikwiqela loo nqevu. Uhambise wathi umtshana wakhe ebenembeko kakhulu kwaye akazange ahluphe bantu.

Wongeze ngelithi ngethuba kusenzeka esi siganeko bebezisukela ebaleni nalapho bebeyobukela khona ibhola.

Uthe bathe besendleleni badibana notsotsi abathe baba khuthuza izinto ebebezinxibile neminxeba yasesinqeni phambi kukuba babahlabe.

“Umtshana kwakunye nomnye umlingane wakhe basweleke kwangoko bona ze omnye wayokuswelekela esibhedlele, omnye uhlatywe nje yena wasinda nowesihlanu usinde kuba eye wabaleka,” utshilo uJacobs.

Uthe ibaphethe kakubi into eyehlele umtshana wakhe.

U – Jacobs uthe umtshana wakhe ebengekagqibi nenyanga ezintandathu ese Kapa kuba ufike kwinyanga yoMdumba evela eMpumaKoloni ezokufuna isikolo, kodwa ke ebengekasifumani isikolo kuba unyaka ubusele uqalile.

Uthe ebeyithanda kakhulu ibhola ekhatywayo kuba ebebalasele ekuyidlaleni.

Uthi phambi kokuba aye kuhlala eMpuma Koloni ukhe wadlalela iqela lebhola iAjax Cape Town. Uthe usapho lwagqiba ukuba lumbalekise ngenxa yobundlobongela baseKapa.

“Ebeziphethe kakuhle kakhulu umtshana ndibuhlungu yinto emehleleyo netshomi zakhe,” utshilo.

Umphathiswa wezokhuseleko uAlbert Fritz uthe bengurhulumente wephondo benza konke okusemandleni abo ukulwa nobundlobongela besebenzisana nabahlali.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.