Bayaxhamla abanxusi baseGugs

2019-04-11 06:00
Ilingu lesigqeba kumasipala, uMalusi Booi, owesithathu ukusuka ekhohlo, kunye nooceba baseGugulethu ngethuba kuphethulwa isoyi.

Ilingu lesigqeba kumasipala, uMalusi Booi, owesithathu ukusuka ekhohlo, kunye nooceba baseGugulethu ngethuba kuphethulwa isoyi.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ide yana nasentlango kwiqela labanxusi base Gugulethu emva kokuba umasipala weSixeko saseKapa ebhengeze izicwangciso zokwakhiwa kothotho lwezindlu kwisiza uErf 8448 kufuphi ne ofisi ka masipala yaseGugulethu, iFezeka.

Ngama 570 ezindlu ekulindeleke ukuba zakhiwe ukwenzela abanxusi. Olu lwakhiwo luyinxalenye ye Gugulethu Infill Housing Project ngabula makhumsha.

Oku kubhentsiswe ngethuba amagosa kamasipala ephethula isoyi kule ndawo kwiveki ephelileyo.

Ngokwengxelo zamagosa kamasipala kulindeleka ukuba lo msebenzi uqale kwisithuba seenyanga ezimbini ezizayo, kwaye ngamakhulu abanxusi baseGugulethu ekulindeleke ukuba baxhamle kolu phuhliso.

Olilungu lekomiti kasodoluphu kwicandelo lezezindlu uMalusi Booi uthe kubekelwe bucala izigidi ezinga R94 ukulungiselela lo msebenzi. Oku kuquka ufakelo mbane kunye nolungiso lweendlela.

“Uguqulo lwesoyi namhlanje libonisa isiqalo esitsha kwimpilo zabantu abangamakhulu amahlanu anamashumi asixhenxe abaselungelweni lokuxhamla kwizindlu abebezilinde iminyaka,” utshilo. Woleke ngelithi ngumyinge wama 90 ekhulwini abantu abazokuxhamla kwezi zindlu abasele bephunyeziwe. Eli nani liquka nabantu abakhubazekileyo.

U-Booi uthe olu phuhliso luqinisekisa ukuzinikezela kweSixeko saseKapa ekunikezeleni ngeenkonzo eluntwini. kwaye bakwavuyela nokubambisana phakathi kukarhulumente wokuhlala kunye nabahlali.

U-Booi uthe ukongeza kolu lakhiwo ngamakhulu emisebenzi ezakuthi ifunyanwe ngabantu ekuhlaleni nanjengo iinkampani ezakhayo ziza kuthi ziqeshe abahlali, ingakumbi abo banamagama akuluhlu luka masipala.

Omnye wabanxusi uZoliswa Sithelo onxuse e-NY 147 uthe wabhalise indlu ngomnyaka ka 2007 kodwa igama lakhe alikabikho kubantu abakuluhlu lokwakhelwa. Uthe eyona nto imvuyisayo kukubona inkqubela ekuhlaleni.

“Kudala sasokola thina bantu banxusileyo. Ixesha elininzi kuhoywa abantu abahlala ematyotyombeni bodwa kulityalwe ngathi thina banxusi. Andikhumbuli nakanye kusithiwa kwakhelwa abanxusi apha (Gugulethu), oko kwasoloko kuthuthwana namatyotyombe,” utshilo uSithelo.

Ubongoze abahlali ukuba babenomonde bangalwi bodwa ukuze ulwakhiwo luqhubeleke kakuhle.

Omnye woceba abaxhamle koluphuhliso uSonwabo Ngxumza ka wadi 42 uchaze oluphuhliso njengento eqalayo ukwenzeka kule ndawo yaseGugulethu.

“Andikhumbuli nalunye ulwakhiwo lwezindlu olwakhe lwenzeka kule ngingqi lisenzelwa abanxusi kuphela. Umnqweno wethu singoceba bonke baseGugulethu kukuba singakhupha inani elilinganayo labantu abazoxhamla kwezi zindlu,” utshilo uNgxumza.

Woleke ngelithi inkoliso yabantu abazakuxhamla ngabantu abadala nabo babebhalise kwiminyaka yo 90. Uthe bazakuqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela efanelekileyo kwaye icacile.

“Asifuni kubona rhwaphilizo okanye apho sizobona abantu abakhokeleyo befaka izizalwane okanye abahlobo zabo ezindlini kuqala,” ucacise watsho.

Uthe kwingigqi nganye (wadi 38, 40, 41 kunye 42) konyulwe ikomiti ezakujongana ncakasana nolu lwakhiwo lwezidlu nezoba zizo ezizonika inkcazelo ebahlalini.

U-Ngxumza uphinde amazwi ka Sithelo naye wacela abahlali ukuba babenomonde bangenzi udushe.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.