Bazilenca amanxeba

2019-12-12 06:01
Abanye babanxusi abatshelwe ziihoki zabo bayacoca ngexesha belindele ukufika kwezinto zokwakha.umFANEKISO: UNATHI OBOSE

Abanye babanxusi abatshelwe ziihoki zabo bayacoca ngexesha belindele ukufika kwezinto zokwakha.umFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ajike aluthuthu amalungiselelo eKrisimesi kubanxusi baseMarcus Gavey ePhilippi emva kwesihelegu sokutshelwa ziihoki zabo ngenjikalanga yangeCawe umhla we 8 kweyoMnga.

Ngokwengxelo zingaphezulu kwama 25 iihoki ezitshe zangqungqa, kwaze kwashiyeka abantu abangapha kwama 60 bengoodingindawo.

Abahlali abalugcwabevu ngumsindo batyhola ngelithi lo mlilo ubangelwe kukuqhawuka kombane, ukanti ushiye uninzi luzikhotha amanxeba lungazi ukuba luza kudibanisa ntoni ukulungiselela iKrisimesi.

Umhlali u-Keketso Mapota uthe uphulukene nako konke. “Lo mlilo uqale emva kwemini ngentsimbi yesine,” utshilo uMapota, nophila ngokuthengisa iziqhamo. “Ngoku uqalayo bendikwenye ingingqi ndiyokubona umhlobo wam,” uhambise watsho. Wongeze ngelithi ubone ngomsi ngethuba ekhwele itaxi ekwindlela ebuyayo. “Qha khange ndicingele ukuba ulapha kuthi ekuhlaleni,” utshilo. Ekwehleni kwakhe kwi taxi uthe wamnkelwe ngeendaba zokuba iyatsha ihoki yakhe, kanti iinzame zakhe zokuhlangula ezinye zezinto zakhe zife namthanyane.

“Zonke izinto endizithengisayo zitshile. Isazisi sam sisinde kuba ndisoloko ndihamba naso ngalo lonke ixesha. Usizi lwento, namantshontsho ekati yam amabini atshe afa ngoku umama wawo ukhala akayeki,” watsho ewalatha.

Kungoku nje iliwa libhek’ umoya kulo kaMapota. Uthi akayazi ukuba uzakuthatha ntoni adibanise nantoni ngaleKrisimesi.

“Ndibuhlungu ngoba ezinye iimpahla ebesele ndizithengele abantwana bam ndizakuzigodusa nazo zitshile. Ngoku kuzofuneka ndiqale phantsi ndiqokelele,” utshilo.

Uceba wengingqi ka wadi 88 uSiphiwo Nqamnduku uchaze esi sehlo nje ngeshwangusha. Uthe sele ebabizile abasebenzi beSixeko saseKapa ukuba bazokuhlola umonakalo. “Ngoku balindele nje ukuba abantu beSixeko babazisele izinto zokwakha ukukwenzela ukuba bakwazi ukuvusa iihoki zabo,” uhambise watsho uNqamnduku.

Waleke ngelithi umcimbi wokwakhelwa kwabantu abanxusileyo ePhilippi awukacaci. “Siye sikhuthaze wonke umntu ukuba makabhalise ukwenzela ukuba bahlale bekuluhlu lwabantu abalindileyo. Ingxaki abanxusi abahlali ndawoni inye. Ngoku ke akukho lula ukujongana nabo ncakasana,” ucacise watsho uNqamnduku.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.