Bekubhiyozelwa imini yenkcubeko namasiko

2019-09-19 06:00
Bekubhiyozelwa imini yenkcubeko namasiko eKhayelitsha.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Bekubhiyozelwa imini yenkcubeko namasiko eKhayelitsha.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Iinqununu kwakunye nootishala bamaziko emfundo yabantwana (ECDs), eKhayelitsha, bathe basingatha umsitho woku bhiyozela usuku lwezenkcubeko namasiko ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Lo msitho ububanjwe kwiholo i-uYesu Unathi, ukanti abafundisi-ntsapho bathe banxiba iimpahla ezahlukeneyo zesiNtu ukuqaphela olu suku.

Ukanti bathe bapheka iimbiza ezahlukeneyo zokutya kwesiNtu kuquka imingqusho, amadombolo, ulusu kwakunye nenkukhu ezibizwa ngokuba yimileqwa.

Bekukho namaqela acula ingoma zesiXhosa. Ngaxeshanye kuye kwatyunjwa oyena mntu unxibe kakuhle nofanelekileyo.

Usekela sihlalo we Khayelitsha Early Education Forum uBoniswa Mxhakaza uthe bengabaphathi bala maziko benza umsebenzi obaluleke kakhulu ngokugcina abantwana abancinci ngethuba abazali babo besemisebenzini.

“Siye sincedisane nabazali ngokuthi sibagcinele abantwana babo ngexesha loba bona babesemisebenzini. Sidlala indima yokubakhulisela abantwana kuba ixesha elininzi balichitha nathi,” utshilo.

Uthe ngalo mbhiyozo baye banike inkxaso kwabo banamaziko akhasayo, nalapho bathi bababonise ukuba bangenza njani ukuze babe bayakhula nokuba bangayifumana njani inkxaso yezimali.

Uthe bazakuhamba bayokubona amanye ala maziko nalapho bazakuthi bakwazi ukucebisa xa bebona kukhona imfuneko.

Unobhala walo mbutho uNtombovuyo Lubisi uthe baye babenawo lo msitho qho ngonyaka phambi kokuba kufike olusuku lokubhiyozela le mini yenkcubeko namasiko.

Uthe benza oku kuba ngala mini inkulu baye babhiyoze kumaziko abo nalapho baye bonwabe nabantwana. Wongeze ngelithi kubalulekile ukuba baye bafundise abantwana ngemvelaphi yabo nalapho baye babafundise nokuzithutha kwakunye nokufunda iincwadi ezibhalwe ngesiXhosa.

Uthe imvelaphi yabantwana ababafundisayo ziyohluka kuba baphuma kwimizi eneenkolo ezingafaniyo.

Uthe baye bazame ukuba abantwana bayibhiyozele lemini qho emva kwenyanga ezimbini kuba kubalulekile ukuba bazazi ukuba bangobani besuka phi.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.