Blaahs ibhiyozela 40 yeminyaka

2018-10-11 06:01
Usihlalo weBlaahs Society umnumzana Mpumelelo Ngindana        PHOTO: SIYABONGA KALIPA

Usihlalo weBlaahs Society umnumzana Mpumelelo Ngindana PHOTO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Umbutho woluntu iBlaahs izingomba isifuba ngokufinca ama 40 eminyaka.

Lo mbutho, nojamelene nokulwela amalungelo oluntu, ingakumbi amadoda, kungoku nje uthembisa uluntu ngomnyhadala okwinqanaba eliphezulu ukubhiyozela le mpumelelo.

Uthi usihlalo wombutho, uMpumelelo Ngidana bazakuthi babe nothotho lwezinto ukususela ngolweSihlanu, ukuya kuma ngeCawa.

Phakathi kokunye kuquka isidlo sangokuhlwa kwiziko leendibano zamazwe ngamazwe lase Kapa(CTICC), nalapho bazakuthi banikezele ngezipho kubahlolokazi bamalungu ombutho abangasekhoyo. Izakuthi ilandelwe luhambo luka wonke-wonke eGugulethu ngoMgqibelo kusasa kunye nangumngqungqo womculo we Jazz kwiholo iJohnson Ngwevela, kwa Langa.

Lo msitho uzakuthi uqukunjelwe kukutyhilwa kwelitye lesikhumbuzo lamalungu angasekhoyo kumadlaka ase NY5.

uNgindana uthe lo mbutho waqalwa zizihlobo kwinzame zokukhawulelana neendleko zomngcwabo xeshikweni kufuneka kuye kungcwatywa eKimberley.

“Kwanyanzeleka ukuba kubethwe ezipokothweni ukuze ahanjiswe asiwe kowabo ayoku ngcwatywa,” utshilo uNgindana.

“Emva koko,” uthe “ezi zihlobo zaye zaqalisa ingalo yombutho ukulungiselela uno-ngekehli.”

Wongeze ngelithi emva kokuba beqale umasingcwabane bakhangela ndlela zimbi zokwenza umahluko ekuhlaleni. Uthe baqala ukunceda abantu abangathathi ntweni

uNgindana uthe imali abanceda ngayo uluntu iphuma kwii pokotho zamalungu.

Phakathi kokunye uthe batyelela ootata ezintolongweni. “Sizama ukukhuthaza abo bangapha kwezitsixo nokuba bonisa ukuba abalahlwanga,” utshilo.

Uthe konke oku bakwenzela ukunika ithemba kwaye nokuzama ukuba abo babanjiweyo bazame ukutshintsha impilo zabo.

Ukwaphawule ngenkxaso abayifumana kusodolophu wase Kapa ophumayo uPatricia de Lille, owathi wabaxhasa ngesitulo esinamavili kunyaka ophelileyo, ukuze banikele ku Thozi Mciki ophila nesifo samathambo.

“Usodolophu waye wasincedisa ekuthengeleni elinye lamalungu ethu istulo esinamavili kuba bekunzima ukuhamba kuye enesi sifo,” utshilo uNgindana.

Wongeze ngelithi sele unwenwele ngaphaya kwemida yephondo umsebenzi wabo, eBhayi ne Bloemfontein.

iBlaahs zifumaneka kwezi nombolo: 0825246301

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.