Bonwabise izihlwele abadanisi

2018-11-29 06:02
Abadanisi be Igugu-lethu Arts Project kumsitho wokuvala unyaka ebebenawo eGugulethu

Abadanisi be Igugu-lethu Arts Project kumsitho wokuvala unyaka ebebenawo eGugulethu

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Adibanise iintloko kwicawa iJL Zwane, eGugulethu, ngoMgqibelo amalungu ombutho womdaniso, i Igugu-lethu arts project ngesingesi, ukubhiyozela ukuphela konyaka kulempela veki sisuka kuyo.

Lombutho ngumbutho osebenzisa umdaniso ukuphucula isakhono samalungu aso ekwa khokhelisa imfundo ngaphambili.

Lo msitho ububanjelwe kwicawa iJL Zwane, abo bebeyobukela baye bonwatyiswa ngomdaniso kwakunye nemarimba.

Abadanisi bebesuka kulo mbutho nakweminye imibutho yomdaniso ebimenyiwe.

uNtombekhaya Paris nongumama womntwana olilungu lalombutho uthe uyithanda kakhulu into yokuba intombi yakhe ibe lilungu.

“Ndiyayithanda kakhulu into abayenzayo kulo mbutho wabo kwaye ndiyamxhasa umntwana wam ukuba angayiyeki,” utshilo uParis.

Uthe intombi yakhe iyakuthanda kakhulu ukudanisa kwaye ebengathanda ukuba aqhubekeke nawo.

uParis uthe nangona intombi yakhe iyinxalenye yalombutho unyaka wonke iba nalo ixesha leencwadi zesikolo.

“Enye into ebangela ndimxhase umntwana wam kungoba ndiyazi akekho sezikoneni esenza izinto ezirongo xa bezilolonga,” utshilo uParis.

Uthe umdaniso uyifundisa nokuhlonipha abantu abadala

Lombutho waqalwa ngu

UKatase uthe wawuqala lombutho kuba wayefuna ukufundisa abantwana ukudanisa kwingingqi yakhe.

“Ndiye ndabona ukuba abantu abatsha eGugulethu benza izinto ezingalunganga ezifana nokutshaya izidakamizwa abanye bekhulelwa besebancinci,” utshilo uKatase.

Uthe abantu abatsha bayakwazi ukufunda intlonipho nokuzithemba ngobubona kulombutho wakhe.

uKatase uthe unaba fundi abayi 60 abaqala kwiminyaka emithandathu uyokutsho kwi 16 kumbutho wakhe kwaye umntu ofuna ukuba lilungu ubhatala nje R100 xa eqala.

Uthe abafundi bakhe baye bafumane amathuba okuqhubeka nokufunda ezomdaniso abo bayebafune ukuqhubekeka nawo.

Uthe naye nangona kwakukudala edanisa kodwa uye nase yunivesithi yase Kapa nalapho aye wafunda kabanzi ngokudanisa waze waphuma nesidanga somdaniso.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.