Huntshu, isiXhosa sethu!

2018-10-11 06:04

Iphephandaba lakho, iCity Vision, likwi phulo lokuphuhlisa noku khuthaza ulwimi lwesiXhosa.

Njengenxalenye yeli phulo sithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba babe yinxalenye yethu, ngokuthi bazi bandakanye ngokuhlomhla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into yethu epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Sibongoza ababhali ukuba basiphe igama, ifani kunye nendawo umntu ahlala kuyo xa esibhalela.

Sikunye singenza umahluko omkhulu.

Ukusukela ngoku siza kuthi sipapashe isaci kunye neqhalo, rhoqo ngeveki, sicele intsingiselo kubafundi.

Zonke impendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwiveki elandelayo rhoqo.

Ingaba ithini intsingiselo yezi zaci kunye neliQhalo?

ISACI: Ingcuka eyambethe ufele lwegusha.

ISACI: Ubuqholo bengcuka.

IQHALO: Inqweme lenkawu lidliwa babini, owesithathu ngumnqakathi.

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Unyawo lwambeth’indlela:

Vuyiseko Ndabeni, Site B: Umntu owasoloko ehamba engenathuba lokuhlala ekhayeni lakhe.

Nomthandazo Gungqa, Crossroads: Ngumntu othanda ukuhamba.

Kholeka Jakalase, Langa: Ngumntu othanda ukuhamba.

G.D Dlepu, Khayelitsha: Ngumntu othanda ukuhamba.

N Ndlwana, Site B, Khayelitsha: Umntu othanda ukuhamba aph’esthubeni.

Sabelo Kula, New Rest: Ngumntu osoloko esendleleni ehamba.

. Umntu ongenandonci:

Kholeka: Ngumntu ongahlalwa nto othanda indaba azigqithise.

N. Ndlwana: Ngumntu ongakwazi ugcina ihlebo okanye imfihlo.

Sabelo: Kutshiwo kumntu ongakwazi kugcina nto kuye (othetha yonke into angayithunywanga) nolwini.

. Unyawo alunampumlo:

Vuyiseko: Umntu maka ngabaphathi kakubi abantu xa esendlini yakhe kuba ngenye imini woze agangxeleke kubo esengxakini naye.

Nomthandazo: Kutshiwo uba ungabomosha umntu ucinga soze uphinde umbone.

Kholeka: Kuthetha ukuthi sukumosha umntu ngoba usendaweni ohlala kuyo, nawe ngenye imini uyawuze uzibone sowusendaweni ahlala kuyo lo mntu #uyawuhlalu hlalu thi bhaa kwelakuthi.

N. Ndlwana: Musa ukungamhoyi omnye umntu xa esengxakini ngoba uyakuze ugaxeleke kwakhe ngelinye ilanga ufuna uncedo.

Sabelo: Itsho ukuthi ungabomosha umntu odibana naye endleleni kuba usithi soze uphinde umbone ngoba ngenye imini yakuphinda uthane gqi naye.

Atsho athi uyabona alujoji inyawo, ngoba xa beli nempumlo ngowundinukisile aweza apha. Yho ndiwatyile!

David Khang, Langa: Ungandibaleka namhlanje, kodwa awuyazi ukuba siza kuphinda sidibane apha endleleni okanye ndikubone.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi u E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zeveki edlulileyo:

Unyawo lwambeth’indlela: Kuthethwa ngosithubeni, umntu osoloko ehamba ongahlaliyo kwikhaya lakhe.

Umntu ongenandonci: Le ntetha ibonisa indelelo. Ithetha ukuba lowo kusukuba kubhekiswa kuye usengumntwana kwaye akazi nto.

Unyawo alunampumlo: Kuthethwa ukuba baphathe kakuhle abantu xa bekundwendwele okanye endaweni yakho kuba awazi apho unyawo lwakho lwakuze lukubeke khona ngenye imini

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.