Huntshu sithetha isiXhosa

2019-04-25 06:01

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo.

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo. Sicela zonke impendulo zifike kuthi phambi koLwesibini.

ISACI: Uhlangene neembila zichithakala?

ISACI: Ukubamba inyoka emsileni?

IQHALO: Ukuguga akuzi ngazingqi?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Ukubek’ inqawama:

Nomathemba Tabata; Site B: Kutshiwo xa kusweleke umntu.

Thembisa Makanda; Ilitha Park: Kutetwa umntu oswelekileyo.

Nonkqubela Duda; Philippi: Xaumntu ebhubhile, kuthiwe uyibekile inqawe.

Zoleka Njoli; Site B: Ukufa.

Luvo Niyakhe; Philippi: Kukusweleka.

Lihle Magxunyana; Makhaza: Ukuncama.

Baphiwe Mhlambiso; KwaLanga: Kuxa kuswelekiwe okanye kubhubhe umntu.

. Ukugxwala emswaneni:

Nomathemba: Kuxa kwenziwa inkonzo yokulilela lonto yehlileyo.

Thembisa: Ukuyovela kulomzi ubute washiywa sisihlobo sabo.

Nonkqubela: Kukukhala aphobe kwenzeke khona. isehlo.

Zoleka: Ukukhalela into engasayikuphinda ibuye.

Luvo: Yindibano yabantu abathi bayenze xa kusweleke umntu ngesiquphe.

Baphiwe: Kuxa unomsindo ngamandla okanye ucaphuka ngakumbi.

. Ukusa akufiki kabini ukuvusa umntu:

Nomathemba: Kuxa ingena kuphinda yehle into ebiyenzekile.

Zoleka: Ithuba olifumeneyo lokwenza into yenze kuba awusayi kubuya ulifumane elinye.

Luvo: Sukube kubhekiswa kumntu olivila.

Baphiwe: Lithetha ukuba umntu makenze oko anako ukukwenza kwangoko ukuze ungazisoli ebudaleni bakho ucinge amathuba owaphose usaze ngobuso ezweni

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo eveki endlulileyo.

Ukubek’ inqawama: Kuthethwa ukufa.

Ukugxwala emswaneni : Umswane wenkomo ubuqushwa ngabahlinzi, usasazwe ugqibe ubuhlathi obu, ungashiywa uyimfumba njalo kusenzelwa ukuba ziya kuhlabana kuwo, zimana ziwothuka zigxwala, kanti njalo zoda zonzakalisane.

Zithi ke zakugxwala kuwo zibe ngathi zililela ukufa kwenye inkomo leyo, ziyivela usizi. Sizekelwe apho ke esi saci, sithetha ukulilela into engenakuba sancedwa bani.

Ukufa akufiki kabini ukuvusa umntu: Umntu oyeka ithuba lokwenza into ngexa asenakho ngalo, akasayi kubuya alichole elo thuba.

Kude kuthiwe ithamsanqa eli linenkqayi, ukuba lidlule kunzima ukubuya libambeke.

Amagama eveki edlulileyo:

. Amadolo:

Nomathemba: Ukuba madolw’ anzima; kuxa uthandabuza.

Zoleka: Ukuwa ngamadolo; ukuthandaza.

Luvo: Ukubanedolo; ukwenza into ngenjongo zokuba kulungelwe lowo uhlobana naye.

. Izigcawu:

Nomathemba: Ingabula zigcawu; ukuthetha into ezakucaciswa ngongentla kunawe.

Nonkqubela: Ukugabula izigcawu; kukutshayelela umntu othethakakhulu southerner unobangela.

Thembisa: Ngabula izigcawu; ndingathi yintshayelelo kulonto uzakuteta ngayo.

Zoleka: Ukulala izigcawu, into engasasetyenziswayo.

Luvo: Ingabula zigcawu; kukuthi gqabagqaba okanye ukushwankathela intetho.

. Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala magama alandelayo:

Umcinga?

Izulu?

“Maz’enethole zidwesha zelizwe lakowethu. Makubechosi kube hele. Amathol’anyongande kukudlelana.

Huntshu kuni nonke, ukwanda kwaliwa ngumthakathi,” Zwelinzima.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.