Huntshu sithetha isiXhosa

2019-05-02 06:00

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za. Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo. Sicela zonke impendulo zifike kuthi phambi koLwesibini.

ISACI: Ukuzisikela enqatheni?

ISACI: Linquml’ inqatha?

IQHALO: Ucuntsu akafani noshici?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Uhlangene neembila zichithakala:

Nonkqubela Duda; Philippi: Ku xa auboleka iimali zabantu, ungazibuyisi. Uze ubolekekumatshonisa, suke akuthimbele noba yimpahla, kuthiwe; namhlanje udibene neembila zichitheka.

Zoleka Njoli; Site B: Ukubuya nelize.

Nomathemba Tabata; Site B: Uzakufumana into obungayilindelenga.

Zukiswa Mdunyelwa; Makhaza: Kutshiwo xana uhlangana nabantu bebesemsindweni besuka kulomzi undibane nabo sebebuya wen ungabonanga, uthi yhooo ndihlangene neembila zichithakala.

Buyiswa Magqaza; Harare: Udibene nengxaki.

Mziwozuko Mbude; Mont Claire: Udibene nentanga yakhe.

Anelisa Beja, Nyanga East: Udibene nengxaki.

N. Khenyana; Mfuleni: Kutshiwo kumntu ofike sekugqityiwe ngalonto ebesiya kuyo.

. Ukubamba inyoka emsileni:

Nonkqubela: Kuxa wenze into ecaphukisa loo mntu abenomsindo. Kuthiwe uyibambe emsileni.

Zoleka: Ukuzicandela umgalagala.

Nomathemba: Uzibizela inkathazo.

Zukiswa: Kukuncokolisa umntu ungamazi ukuba unento emcampukisileyo suke akhuphele kuwe umsindo.

Buyiswa: Ukuziqhwayela inkathazo.

Mziwozuko: Kukuziqhwayela inkathazo. Kaloku inyoka ayibanjwa ngomsila.

Anelisa: Uzibizela ingxaki.

Khenyana: Kukudlala ngengozi.

. Ukuguga akuzi ngazingqi:

Zoleka: onkqubela: Ubudala abubhungisi.

Zukiswa: Kunabantu xana kufikelela ixesha lobudala angabuza nento ngoku ikuye esandleni kuthiwe uyaguga ntombi intonayo aziva izingqi zayo ingugo.

Buyiswa: Xa umdala awuziqondi okanye awuziboni.

Khenyana: Ungangaziva uba uyaguga.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo eveki endlulileyo.

Uhlangene neembila zichithakala: Esi saci sibhekiswa kwiindidi ezininzi zabantu abahlelwe ngamashwa, anjengokuthi umntu afe engalixhamlanga ilifa alifumeneyo; nokuthi othile afelwe yindoda yakhe okanye ngumfazi wakhe esand’ ukutshata, njalo njalo.

Ukubamba inyoka emsileni : Kukuziqhwayela ukhwembe-khwembe, ukuzifaka engozini nasengxakini; ukuvusa umsindo. Kuthiwa kulula ukuba inyoka imtye umntu ukuba uyivele ngasemsileni, kunoko kunjalo xa ayibambe ngasentloko.

Ukuguga akuzi ngazingqi: Ubudala bomntu buza bungamngxamelanga, kube kungekho mntu uyifunayo loo nto. Uthi umntu engaqondi nje, abone ngokungafikeleli kwezo nto wayekade enokuzenza. Eyona nto ihlekisayo yile yokuba wothi umntu sel’ elibunga aman’ukuthi “kuguga othandayo”.

Amagama eveki edlulileyo:

. Izulu:

Zoleka: Izulu limathumbant’aka; kuxa kusibekele.

Nomathemba: Izulu liyezisa; kuthetha ukuba kuza kunetha.

Nomhi Bam; Makhaza: Izulu liyezisa; kuthetha ukuba kukho into embi ezakwenzeka.

Anelisa: Izulu liyaduduma; yingxolo.

. Umcinga:

Nonkqubela: Uhle nomcinga; kwinto ebenigqibe ukuyenza ase lobuzayenzanaye angabuye abomakale kuthiwe, uhle nomcinga

Zoleka: Ukuhla nomcinga; ukurhoxa kulonto ubuzayenza.

Nomathemba: Ukuhla nomcinga ukwenza isithembiso ungasiphumelelisi.

Nomhi: Ukuhla nomcinga: kuthetha ukuyeka into ubuthembise ukuba uzayenza.

Anelisa: Ukuhla nomcinga; ukuyeka into ubuyithetha.

. Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala magama alandelayo:

Iinkwenkwezi?

Imfe?

Sithi huntshu, nangamso.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.