Huntshu! siyazingca ngesi Xhosa sethu!

2018-10-25 06:02

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomhla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo.

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Umsila wengwe.

ISACI: Ukuphatha ingwe emsileni.

IQHALO: Iqaqa aliziva kunuka.

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Ukwanda ngomlomo:

Buyiswa Magqaza, Harare: Ukuthetha ungayeki okanye kakhulu.

Mavis Nkata, Khayelitsha: Ukuba lichule kakhulu lokuthetha, xa kufuneka kusetyenzwe angakwazi.

Oscarine Makhobeni, Harare: Kuthetha ukuthi xa kusetyenzwa akenzi nto yena, into ayaziyo kukuncokolela abanye logama besebenza.

Bukelwa Mavis Gibe, Crossroads: Kutshiwo kumntu othanda ukuthetha sele ingazi kuye into.

Bulelwa Thonga, Makhaza: Umntu okubetha ngomlomo. Ukuba uxabene naye, yena ukunika ukutya kwendlebe kwaye uve.

Zukisa Booi, Samora Machel: Ngumntu onento enintsi yokuthetha okanye uthetha kakhulu.

Nomakhosazana Klaas, Khayelitsha: Umntu othetha kakhulu engabonakalisi misebenzi yoko akuthethayo.

Shirley Mbema, Gugulethu: Umntu othetha kakhulu engenzi nto. Akhonto ibonakalayo ayenzayo, into ayaziyo kuthetha kakhulu.

. Ukuba nomlomo omde:

Bulelwa: Ngumntu othetha kakhulu, othanda ukuthetha nokuba into ayimfuni, noba kuthwe angayithethi yena uyayithetha, ufike kuthwa unomlomo omkhulu ke lonto.

Mavis: Ukuthetha kakubi.

Oscarine: Kuxa umntu ethanda kakhulu uthetha aphendule nento engabhekiswa kuye.

Bukelwa: Kubhekiswa kumntu othetha umlembelele wento ende engavakaliyo engekhoyo. Ixoki!

Nomakhosazana: Ngumntu othetha angayike ongaphi abanye abantu ithuba.

Buyiswa: Ukuzithanda okanye ukuzidla, kude kuthiwe ingcungcu emlomo umde.

Shirley: Umntu onolwimi, othetha into angayithunywanga.

. Amangomso asa esihogweni.

Mavis: Ukudangala, yonke into uyibekele ingomso. Ukonqena.

Ntuthuzelo Solani, Gugulethu: Lithetha ukuthi into okanye izinto sukuzibekela elinye ilanga zenze, okanye yenze ngalo mzuzu, kuba ingomso ungalazi lokuphathelani.

Oscarine: Kuxa uzakwenza into, usoloko uyimisa ungade uyenze umane ubeka iintsuku ezizayo libe lona ixesha lihamba.

Bukelwa: Sebenzisa eli thuba unalo, okanye sebenzisa elixesha unalo ingomso awulazi likuphathele ntoni na.

Nomakhosazana: Ukuthembisa isithembiso esingade sifezekiswe.

Buyiswa: Sukulinda ingomso kuba uyakuphoxeka, kuba isihogo yindawo ekukholelwa ukuba akubuywa. Ngoko xa usenza into yenze ngoku.

GD Dlepu, Khayelitsha: Xa usoloko uyimisa into oza kuyenza, usoloko ubeka amangomso.

Nomfuneko Bonase, Marcus Garvey: Ukulinda elinye ixesha ilizayo kwinto oyifunayo, uti xa uyifuna ibe ingekho.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi u E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zeveki edlulileyo:

Ukwanda ngomlomo: Ngumntu othetha kakhulu angenzi nto; umntu ogqiba ukwenza izinto ngomlomo.

Ukuba nomlomo omde: Ngumntu othanda ukuthetha, incoko.

Amangomso asa esihogweni: Akulungile ukuthi into onokuyenza namhla, uyibekele ingomso, ube ungayazi into ephethwe lingomso, ungazi apho uya kutshona khona. Abantu balahlekelwa kakhulu ngenxa yoko.

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.