Ibandla linikele ngezixhobo

2020-01-23 06:00
Umfundisi uVuyo Nyabaza kwakunye noceba uBongani Ngcombolo nabahlali abatshelweyo baseKanana. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Umfundisi uVuyo Nyabaza kwakunye noceba uBongani Ngcombolo nabahlali abatshelweyo baseKanana. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ibandla Centre of Hope Community Church, eGugulethu, linikezele ngezixhobo zokwakha kumakhaya amane athe atshatyalaliswa ngumlilo ekuqaleni kwenyanga kwindawo yamatyotyombe ikanana, eGugulethu.

Ngokwengxelo ngamatyotyombe angama 40 athe atshatyalaliswa ngumlilo kule ngingqi ngomhla wokuqala kweyo Mqungu, xeshikweni uninzi luzonwabisa elwandle, logama abanye babahlali bechitha ikhefu nezalamane zabo kwindawo ezahlukeneyo zelizwe. Oku kushiye uninzi lungenandawo zokufihla intloko, nto leyo ekhokelele eli bandla ukuba lingenelele.

Phakathi kokunye linikezele ngamazinki, amaplanga, amacango kwakunye neefestile.

Umfundisi webandla uVuyo Nyabaza uthe babone kubalulekile ukuba bazame ukuncedisana naba bantu batshelweyo ngokuthi babanike ukutya impahla zokunxiba kwakunye nezinto zokwakha.

“Ngokuncedisana nezi ntsapho yindlela yethu yokubonakalisa abantu ukuba uThixo unayo intliziyo kuba zizenzo zakhe ezi sizibonakalisayo,” utshilo uNyabaza.

Uthe ibandla lakhe liphakathini kule ngingqi, kwaye bazama kangangoko ukuba yinxalenye yotshintsho ekuhlaleni.

Uthe baninzi abakwenzayo beli bandla kule ngingqi kuquka ukuthetha nolutsha olwenza okungalunganga.

U-Nyabaza uthe oku bakwenzayo abakwenzi kuba befuna abantu ukuba bazibandakanye nebandla labo, kodwa ke umntu ofunayo wamkelekile.

Uceba wale ngingqi uBongani Ngcombolo uthe intle into eyenziwa leli bandla, kwaye ingase kuye iicawe zibe yinxalenye yotshintsho ekuhlaleni.

Uthe iSixeko saseKapa siyazama ukuncedisana nabantu xa bethe batshelwa, kodwa oko baye bakunike abantu kuye kungapheleli ncam amancedo afana nala enziwa leli bandla abaluleke kakhulu.

Ukwathe iicawe ziyakwazi ukutshintsha abantu, kwaye zingadlala indima enkulu ekulweni nezinto ezininzi ezenzekayo ezingalunganga.

Uthe ukutsha kwamatyotyombe akukazuphela, into efunekayo kukuba urhulumente akhele abantu izindlu.

“Kuhlala kusitsha oko kwiindawo ezinamatyotyombe, kwaye into ezophelisa lonto kukwakhiwa kwezindlu,” utshilo.

Omnye wabo bebetshelwe uNonezile Dabalele uthe uyabulela kakhulu kweli bandla.

“Bendikade ndingenandawo yokuhlala oko ndatshelwa, kodwa ngoku ngezi zixhobo sizifumeneyo sizokwazi ukuba siphinde sakhe,” utshilo.

Uthe iimeko abaphila phantsi kwazo ematyotyombeni azintlanga kwaphela, kungokho becela urhulumente ukuba abenento ayenzayo abakhele izindlu.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.