Ibangela isankxwe inkunkuma

2019-06-06 06:00
Indlela iMichael Mapongwana eSamora Machel izele bubugoxo.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Indlela iMichael Mapongwana eSamora Machel izele bubugoxo.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Baxakene nezinga elixhomileyo lokulahlwa kwenkunkuma endleleni abahlali kwisitalato iMichael Mapongwana, eSamora Machel.

Ngokwengxelo liqela labahlali abasuka kwiindawo ezahlukeneyo abathi balahle ubugoxo ngokungekho mthethweni ngakule ndlela.

Ababahlali batyhola abenzi bobu bubi ngokungababoneleli nabacingela bona bodwa.

Omnye wabahlali okwahlala kule ndlela uMzingisi Golela uchaze indlela abahlala kuyo njengesebugxwayibeni.

“Imoto zihamba ecaleni elinye ngoba abahlali inkunkuma bayigalela nalapha endleleni phakathi. Babekade beyigalela ngobusuku kuse ikhona kodwa ngoku bayigalela ngoku sijongileyo,” utshilo Golela. Uthi ingxaki ngabantu abalungisa izindlu zabo nabathi bakugqiba bathathe bonke obabugoxo babulahle phambi kwezindlu zabo.

U-Golela woleke ngelithi selebayixolela lonto kuba besoyika ukubethwa okanye ukubulawa.

“Kusuka abantu abahlala kude bazoyilahla apha, uthi xa uthetha uzama ukunqanda umntu anyukelane nawe akugrogrise ngokubetha okanye ngokudubula uphele umyeka,” uthethe watsho.

Wongeza ngelithi bakhona bona abantu abaqokelela inkunkuma kwaye nezigadla zikamasipala ziyeza ukuzoyilanda.

Uthe abasebenzi bakamasipala bayifaka ibhodi ebonisa ukuba makungalahlwa nkunkuma kule ndawo kodwa batsiba ngapha kwayo.

“Aboneli nje ukulahla inkunkuma, ngamanye amaxesha kukhe kulahlwe nezinja okanye iikati ezifileyo. Ixesha elininzi sihlala ngokuvala apha ezindlini ngoba kuyanuka kwaye namaphepha angena ezindlini xa kukho umoya,” ukhalaze watsho.

Uceba u-Sithembiso Mzobe wakwadi 33 ukungqinile oku. Ukuchaze ukulahlwa kwenkunkuma ngokungekho semthethweni nanje ngenye yeengxaki iSamora Machel ejamelene nazo. “Ingxaki iSamora inabantu abaninzi kakhulu. Kuyenzeka ukuba kwiyadi enye kuhlale abantu abangaphezu kweshumi kuquka nabenxusi into ekhokelela ukuba umgqomo wenkunkuma ugcwale kamsinya, kunyanzeleke ukuba bayowulahla okanye bawunyengeze esithubeni,” utshilo uMzobe.

Wongeza ngelithi nabantu abakhayo nabalungisa izindlu zabo banegalelo ngoba baye bathi bakugqiba ukwakha balahle ubugoxo esithubeni.

Uchaze indlela i-Oliver Tambo njengenye abahlali abalahla kuyo ngokungekho semthethweni. “Sincame sabeka icontainer ecaleni kwendlela Robert Sobukwe ukuncedisa nabahlali ukuba balahle inkunkuma kuyo,” ucacise watsho.

Wongeze ngelithi inkoliso yezi ndawo zilahla inkunkuma ngokungekho mthethweni ngabantu abahlala ezindlini ngoba akukho matyotyombe kuzo zonke..

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.