Ibhulelwe amasaka iRangers

2019-07-11 06:00
Imvula khange ime phambi kwe Blue Jets ngethuba ibetha iManenberg RangersiMiFANEKISO: siyabonga kalipa

Imvula khange ime phambi kwe Blue Jets ngethuba ibetha iManenberg RangersiMiFANEKISO: siyabonga kalipa

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Iqela lombhoxo lase Khayelitsha iBlue Jets ilibhulele amasaka iqela lase Manenberg, iManenberg Rangers, ngethuba ejijisana kwibala lombhoxo lase Khayelitsha, iKhayelitsha Stadium, ngoMgqibelo.

La maqela adlala kwi Super League C yombhoxo wephondo leNtshona Koloni. Ukanit iBlue Jets izenzele unothanda yalibetha eli qela lasemzini ngentaphane yamanqaku angama 38 kwimbade yesikhova.

Umqeqeshi weBlue Jets uMtutuzeli Madikane uthe abadlali bakhe bebezimisele kakhulu yiyo lonto bethe baphumelela ngale ndlela.

“Bebezimisele ebaleni abadlali kwaye nenkxaso esithe sayifumana eluntwini iye yasenza sazimisela,” utshilo.

Uthe enye into abadlali bakhe bebewulungele umdlalo ndaphezu kwabo bebequbisene nabo.

U – Madikane uthe bebenomthetho ngethuba bedlala kuba bekunzima ukuba elinye iqela eli lidlalele kumhlaba wabo.

Uthe esinye isizathu sokuzimisela kwabadlali kungenxa yendawo abazibona bekuyo kwi logu. “Sisendaweni embi kakhulu kwi logu yi lonto sizimisela kuba sifuna ukuthatha amanqaku ukwenzela sibe kwindawo entle,” utshilo. Waleke ngelithi bazakujonga umdlalo ngamnye ngoku ukwenzela bangazozifakela uxinzelelo xa bedlala.

Umqeqeshi we Rangers uShukr Hartzenberg uthe umdlalo ubumhle kakhulu bona babethwe kungasebenzisi amathuba abo.

Uthe udanile ziziphumo zomdlalo kodwa ke iqela ebebedlala nalo belizilungiselele kakuhle kunabo.

Ezinye iziphumo ze Super League C:

i-Blue Stars United ibethe iElsies River United 21-6,

Kraaifontein 21 - 17 Pniel Villagers

Raithby Universals 13 - 13 Kylemore

Scottsdene Central 18 - 13 Strand United

Young Wesley 0 - 24 Morning Star

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.