Icawa igqiba iminyaka engamashumi amahlanu

2019-11-07 06:00
Ibandla lamatshetshi eGugulethu lineminyaka engamashumi amahlanu.iMiFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Ibandla lamatshetshi eGugulethu lineminyaka engamashumi amahlanu.iMiFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Bekuyimincili kwibandla lamatshetshi iSt Colamba, eGugulethu, ngethuba libhiyozela ukufinca iminyaka engamashumi amahlanu, kumsitho othathe iintsuku ezintathu ukusukela ngoLwesihlanu ukuya kuma ngeCawa.

Ngokwengxelo, elibandla lasekwa ngomnyaka ka 1969 kulungiselwa iqela labantu elalisuswe ngetshova kwindawo yaseWoodstock ngaphantsi kwemithetho yocalulo.

Lo mbhiyozo ubuzinyaswe ziinkokheli zebandla kuquka iinkokheli zamandulo neziquka umthanjiswa uPatrick Xhallie. U-Xhallie uxelenge kweli bandla kwiminyaka edlulileyo, kwaye ulincomile ngemisebenzi yalo.

Uhambise wathi nangona eli bandla lasekwa ngexesha elinzima labonisa ubunganga obungummangaliso. “Nangona kwaye kwenzeka esisehlo icawa yakwazi ukuzimela kuba isekhona nanamhlanje,” utshilo.

Uthe enye into ebangele ukuba lecawa ibe isamile kungenxa yokuba basebenzisana kakhuhle noluntu lwase Gugulethu.

U-Xhallie uthe zininzi izinto ezintle ezinziwa leli bandla. Uhambise wathi ngabo abokuqala kweli leNtshona Koloni ukuba nomfundisi ongumntu ongumama.

“Zininzi izinto ezincomekayo ezenziwa ngamalungu eli bandla kuba sinazo nezifundiswa eziphuma apha ezingabantu ababalulekileyo kule mihla,” utshilo.

Wongeze ngelithi akasayi kuze alilibale ixesha lakhe neli bandla. Uqhwabele intsebenziswano yakhe nabahlali izandla.

U-Mfundisi webandla uMzwandile Mzamane uthe le minyaka ingamashumi amahlanu bayifince ngenyanga yeSilimela, kodwa ngenxa yeemeko babona ukuba bawenze ngoku umbhiyozo.

Uthe baneekomiti ezahlukeneyo ebandleni nezithi zidlale indima ezahlukeneyo. Ezi komiti ziquka eyomama, ootata kunye nolutsha. “Abona bantu baninzi kweli bandla lethu ngomama kwakunye nolutsha nangona bekhona notata,” utshilo.

U-Mzamane ukwakhale ngoogxa bakhe abathi barhuqe igama labefundisi eludakeni. Uhlabe ikhwelo kuye nabani onomdla wokubabona ukuba bakhonza njani beli bandla ukuba beze. Uhambise wathi lonto ayithethi ukuthi umntu uzakunyanzelwa ukuba abelilungu.

“Abantu mabaze bazokuzibonela ngokwabo ukuba senza ntoni apha kwaye uThixo isenguye ithemba lethu apha emhlabeni,” utshilo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.