Ifumene indlu emva kweminyaka ingwevu

2019-05-09 06:01
Omnye wabantu abafumene izindlu utata uFunani Qotyiwe uxhakwe nguMalusi Booi, Noluthando Makasi, uBonginkosi Madikizela kunye noceba ka wadi 39 uKhaya Yozi. UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Omnye wabantu abafumene izindlu utata uFunani Qotyiwe uxhakwe nguMalusi Booi, Noluthando Makasi, uBonginkosi Madikizela kunye noceba ka wadi 39 uKhaya Yozi. UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ibiyimincili kuphela ngethuba abahlali bengingqi i-Section 4, e-KTC, befumana izitshixo zezindlu zabo ezintsha ngoLwesihlanu weveki edlulileyo.

Ezi zindlu zithe zanikezwa ngokusesikweni ngumphathiswa wokuhlaliswa koluntu kwiphondo iNtshona Koloni uBonginkosi Madikizela kunye noMalusi Booi, ilungu lekomiti yesigqeba ka sodolophu elijongene nokuhlaliswa koluntu.

Ngama 235 zizonke izindlu ezithe zakhiwa phantsi kolu phuhliso noluxabisa izigidi ezingama 44 eranti. Olu phuhliso, noluqale kumnyaka ka 2014, kulindeleke ukuba lutshintshe impilo yoninzi loluntu lwala ngingqi, noluthe lwafumana izindlu zezitena okokuqala ngqa kwisithuba seminyaka emininzi.

Ephawula ngezi zindlu u-Booi ukhuthaze uluntu ukuba luzigcine kakuhle kwaye zisemgangathweni. Ukwabongoze uluntu ukuba lwahlukane nomkhwa wokuthengisa izindlu zesibonelelo.

Uthe eyona nto ayithandayo kukuba inkoliso yabantu abaxhamleyo kolu phuhliso ngabantu abadala. “Ningakwazi ukuzifaka kwi-insurance kwezi zingabizi kakhulu niqhubeke nizibhatale ukulungiselela xa kuthe kwehla ingxaki,” ukhuthaze ngelitsho uBooi.

Uthe besi Sixeko saseKapa kwicandelo lezokuhlalisa uluntu basebenzisana ne-ofisi kaMadikizela ukuzama ukuzisa iinkonzo nophuhliso eluntwini ngokukhawuleza. Uchaze olu phuhliso njengenxalenye yokuphuculwa kwendawo yaseNyanga iphela, nalapho kulindeleke ukuba kwakhiwe izindlu ezingama 700 zizonke nezixabisa i 150 yezigidi zeeranti.

U-Madikizela uluchaze olu phuhliso njengekudala lwaqalayo, watsho ebulela abahlali ngokunyamezela kude kube sekugqibeleni.

“Olu phuhliso lwalapha lwaqala kudala ndisaphangela kwi-ofisi kasodolophu ngoko. Kodwa into endiyithandayo kukubona abantu ebabeziinkokheli ngoko koluphuhliso ibe isengabo nangoku,” utshilo Madikizela.

Ugxeke abantu abathi basuswa kwindawo yophuhliso, baze abazichitha iihoki zabo, endaweni yoko bazithengisela abanye abantu.

Uthembise ngelithi ofisi yakhe izakuzama ukuba kukhawuleziswe kuphuhliswe zonke iingingqi ezikufutshane nesikhululo senqwelomoya saseKapa.

U-Madikizela uyibethelele into yokuba bengurhulumente wephondo bazimisile ukusebenzisana neenkokheli zokuhlala, kwaye baqinisekise ukuba yonke into ihamba ngendlela.

“Sizakuqinisekisa ukuba izindlu zifunyanwa ngabantu abadala kuqala. Siqinisekise ukuba ulutsha luyasebenza,” utshilo.

Omnye wabantu abathe baxhamla kolu phuhliso uFunani Qotyiwe, onama 79 eminyaka, uthe uchulumance kakhulu ngoba unexesha elide kakhulu elindile.

“Ndafika apha eKTC nge 80’s oko ndahlala ematyotyombeni. Nangoku andikakholelwa ncam ukuba le ndlu yeyam,” utshilo Qotyiwe.

Woleke ngelithi uyathembisa ukuba uzakuyiphatha kakuhle kwaye akasayi kuyithengisa.

Uceba wakwa wadi 39 uKhaya Yozi uthe kuluvuyo kuye ukubona abantu abadala bexhamla kuphuhliso lwezindlu, bangade baswelekele ematyotyombeni.

Uchaze ukungavisisani kweenkokheli zokuhlala zangaphambili njengenye yezinto ezithe zalibazisa olu phuhliso.

“Izindlu zigqityiwe ukwakhiwa kwezinye kushota kufakelwe umbane kunye namanzi,” utshilo Yozi.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.