Igqiba ishumi i-Free Gender

2020-02-06 06:01
Bekubhiyozelwa iminyaka elishumi umbutho iFree Gender ukhona

Bekubhiyozelwa iminyaka elishumi umbutho iFree Gender ukhona

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ubhiyozele ukufinca iminyaka elishumi umbutho wamalungelo abantu abathandayo nabasini sinye, iFree Gender, kumsitho ububanjwe kwiholo iSivivana, ukususela ngoLwesine umhla wama 30 kweyoMqungu ukuya kutsho ngoMgqibelo umhla wokuqala kweyoMdumba.

Ngoko mseki walo mbutho uFuneka Soldaat iFree Gender yasekwa ngokusesikweni ngenyanga yoMqungu ngomnyaka ka 2010.

Ephawula ngokusekwa kwalo mbutho uSoldaat uthe wagqiba ekuseni lo mbutho emva kokubona izinga eliphezulu lokubulawa kwabantu abathandanayo abasini sinye. “Yayixhaphake kakhulu into yokubulawa kabantu abathandanayo abasini sinye, kwaye sasibona ngathi namapolisa akukhonto ayenzayo ukuzama ukulwa nokubulawa kwethu,” utshilo.

U-Soldaat uthe esinye isizathu yakukunika inkxaso kumaxhoba ohlukunyezo ezinkundleni zamatyala. Uthe ibengumnqantsa ukufumana inkxaso ekuqaleni, kodwa ngokuhamba kwamaxesha izinto zaya ngokutshintsha.

Uthe akhange kube lula kule minyaka ilishumi yokuqala, bebejongwa ngamehlo amabi kusithiwa bazenza amadoda kodwa bangabantu ababhinqileyo.

“Oyena mcelimngeni neyinto ibisenza sibulawe ngabafana abasebatsha ibiyinto yokuba besithi sizenza bona sibathathela indlela abanxiba ngayo kwakunye namaqabane abo,” utshilo.

Uthe nangona lehla izinga lokubulawa kwabo indlela abafana abatsha ababajonga ngayo ayika tshintshi ncam.

Uthe bona abahlali bohlukene kwindlela abacinga ngayo xana kuthethwa ngabantu abathandanayo abasini sinye. Uthe abanye ababoni nto ingalunganga logama abanye besithi oko bakwenzayo akudalwanga.

“Umbutho wona usamile nanamhlanje phantsi kwayo yonke lonto yokubulawa kwethu,” utshilo.

Uthe kule minyaka lo mbutho ukhona uzamile ukutshintsha incinga zabantu ngabo, kwaye bade babe basebenzisana kakukhle kakhulu namapolisa ase Khayelitsha kuba uncedo bayalifumana kuwo.

U-Soldaat uthe amapolisa ezinye iindawo kunzima ukusebenzisana nawo kuba aye angabathatheli ngqalelo xa bevula amatyala ohlukunyezo.

“Isitishi samapolisa sase Nyanga sesona sinamatyala amaninzi okubulawa kwabantu abathandanayo abasini sinye, kodwa sesona kungekho nto yenziwayo ngalo matyala,” utshilo.

Uthe nabazali kule mihla bayakwazi ukuza kwimibutho efana nalo wabo bazokuthetha ngokuthandana kwabantu abasini sinye, nto leyo yayingenzeki kuqala.

Ngaxeshanye uSoldaat uvakalise ukuba uzibeka phantsi intambo kulo mbutho ngenzame zokujongana nezinye izinto ezitshisa ibunzi. Noxa kunjalo uthe liqaqambile ikamva lalo mbutho.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.