Iinkonde ziphiwe isidlo sase mini nguceba wazo

2018-11-01 06:00
Uceba Bongile Ngcani ngethuba ebesenzela abantu abadala bengingqi yakhe ikrisimesi eKuyasa.       PHOTO: SIYABONGA KALIPA

Uceba Bongile Ngcani ngethuba ebesenzela abantu abadala bengingqi yakhe ikrisimesi eKuyasa. PHOTO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

IKrisimesi ifike kwa msinya kwiinkonde zakwa wadi 99 eKhayelitsha, xeshikweni uceba wabo ethe wolula isandla sobubele.

U-Ceba Bongile Ngcani, ebemaxhaphetshu eququzelela lo msitho, nobu banjwe kulweSihlanu odlulileyo.

U-Ngcani wenzele abantu abadala isidlo sasemini.

“Ndithe mandiphe abantu abadala bengingqiyam iKrisimesi kuba abanye babo akukho apho bazakuyifumana khona,” utshilo uNgcani.

Uthe yindlela yokubabonisa abantu abadala ukuba abalibalekanga kuye njengo ceba wabo.

U-Ngcani uthe uninzi lwabantu abadala bakhulisa abazukulwana babo kuba omama babo bavele babashiye nabo.

Kulo msitho bekukho amasebe ngamasebe eSixeko saseKapa nalapho bebenceda abantu abanengxaki.

U-Ngcani uthe uqonde ukuba makabize lamasebe ukwenzela abantu abadala bazokuncediseka nengxaki abadibana nazo ekuhlaleni.

Uthe uzivile izikhalazo zabo kwaye uyathembisa ukuba uzakunceda apho akwazi ukunceda khona kulonyaka mali uzayo.

Umakhulu uVuyiswa Ncipa, onama 62, uthe uvuya kakhulu yinto abayenzelwa nguceba wabo yokuhoya abantu abadala.

U-Ncipa uthe namasebe ebekhona abancedile kuba bona bantu badala kuba nzima ukufikelela kuwo yaye uyathemba ukuba abagqibelisanga ukuzisa inkonzo kubo.

U-Emily Poni , onama 64, uthe uninzi lwabo lunengxaki ezininzi. Uthe bayavuya xabefumana ithuba lokonwaba. Waleke ngelithi uninzi lwabo lukhulisa abazukulwana babo, kwaye lonto yenza imeko yokuphila endlini ibe nzima.

U-Poni uthe abantu abadala baye bahlukunyezwe kakhulu ngabantwana babo nabahlali. Uthe imini ezinje ziyafuneka kubo bantu badala zingenziwa kube kanye.

Uthe uyayivuyela nale yenkonzo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.