Iintsingiselo ze zaci namaqhalo

2019-02-14 06:00

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision. Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo.

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Ukusithela ngesebe lenkawu?

ISACI: Ukuvatha iqaqa?

IQHALO: Isala kutyelwa sibona ngolophu?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Unyawo lwemfene:

Ncamile Xhamntwana, eMakhaza: Yinto engaqondakaliyo, ebonakalisa isikrokro.

Zukiswa Mdunyelwa; Makhaza: Yinto engalungaga eyaziwayo, kodwa abantu bayibethe ngoyaba inyamalale.

Buyiswa Magqaza, Harare: Into ekrokrisayo ubunyani bayo.

Zoleka Njoli, Site B: Yinto engaqondakaliyo enobuthi.

Nikiwe Madolo: Kukungaqondakali kwento.

Nomthandazo Gungqa; Crossroads: Yinto enganqondakaliyo.

Zodwa Mzongwana; Site B: Yinto engaqondakaliyo enomkhonyovu.

Nondwe Luwaca; Site B: Yinto engahambi ngendlela.

. Uxam waphusile:

Zukiswa: Kukuphela kwethemba.

Buyiswa: Xa ubukade uthembe umntu soloko ekwenzela into ngoku akasakwazi.

Zoleka: Isisulu siphelile.

Nikiwe: Kukuba nezinto.

Nomntu Tabata; Site B: Ihlebo livelile. Akhonto ingasayi kuvela.

Nondwe: Iqhinga, lilongwe, okanye okufihlwa kubonakele.

. Usana olungakhaliyo lufela embelekwni:

Ncamile: Xa ungathethi akukho mntu unokwazi ukuba unengxaki.

Zukiswa: Kukuva kabuhlungu ungathethi, kodwa unento ongayithandiyo eyenzekayo kuwe.

Buyiswa: Yithethe into sukuthula ube uxakanisekile okanye ungevi kamnandi.

Zoleka: Xa ungayithethi intlungu yakho awufumani luncedo.

Nikiwe: Xa ungathethi ungangahoyeki.

Nomntu: Xa ungakhalazi soze kubonwe ukuba unengxaki.

Nomthandazo: Xa uthule kodwa unengxaki.

Nondwe: Xa ungathethi kuyonakala.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo sibuzisa ngawo:

Unyawo lwemfene: Esi saci sibhekisa kwinto efihlakeleyo nengaqondakaliyo.

Kuthethwa umntu owenza imisebenzi emibi nehamba phantsi, phofu yena ezifihla eyikhanyela nokuyikhanyela loo misebenzi. NgokwakwaXhosa imfene sisilo esingathandekiyo ekukholelwa ukuba sisetyenziswa ngamagqwirha, nathi asifihle koovimba. KwaXhosa amadoda avuka ajonge iintupha zemfene kwiinkundla zeentlani zawo kusasa, zizo ke ezithi zibonakalise ukuba zikhe zafika iimfene.

Uxam waphusile: Kuthethwa ngomntu apho bekukade kufunyanwa khona izisulu, asuke ngamini ithile angafuni kuva nto ngaloo nto sele eyinto engenalusini ephelelwe bububele. Uxam waziwa njengesilwane esiyimvuze-mvuze bububele kumathole akhe, kude kukho inkolo yokuba uyakwazi nokuwateketisa. Ukanti uthi akwaphusa awalumle ngokuwabukula ewaluma, awenze zonke izinto ezimbi.

Usana olungakhaliyo lufela embelekwni: Kuthethwa ukuba umntu ongazixeliyo iintswelo neemfuno zakhe wosoloko wacingelwa ukuba konke kumlungele, angaze ke afumane luncedo mntwini. KwaXhosa abantwana bahlala eqolo koonina, ze athi lowo uzithuleleyo kucingelwe ukuba uhluthi okanye ulele.

Amagama eveki edlulileyo:

Amasi:

Ntuthuzelo Solani, Gugulethu: Amasi abekwe elangeni; lithetha ukuthi kuza kwaziwana.

Zoleka: Amasi abekwe elangeni; kudibene izangxa, konakele.

Nomthandazo: Amasi abekwe elangeni; kuxa kuzodibana amaqela ebhola.

Indlebe:

Zoleka: Ukulala ngandletyananye; ukugula.

Nomthandazo: Ukulumana indlebe; omnye ahlebele omnye into.

Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala malungu omzimba alandelayo:

Inkomo?

Ucwethe?

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.