Iintsingiselo ze zaci namaqhalo

2019-02-21 06:00

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision. Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Imbabala yolwantunge?

ISACI: Uhili uphumile ezingcongolweni?

IQHALO: Ubude abuphangwa?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Ukusithela ngesebe lenkawu:

Nomthandazo Gungqa; Crossroads: Kukukhanyela into ngoku icacileyo ukuba uyenzile.

Buyiswa Magqaza; Harare: Ukubambelela entweni engekhoyo.

Zukiswa Mdunyelwa; Makhaza: Ngumntu onezizathu ezingavakaliyo kwinto ebefanele uyenzile, athethe ke lonto ingavakaliyo ebaleka nenyaniso.

Anelisa Beja; Nyanga East: Ukuthetha into engekhoyo.

Nceba Zenani; Site C: Lithetha ukuzimela ngapha kwento engacacanga ncam.

Anelisa Native; Site B: Kukwenza into ucinga ukuba awubonwa.

Zoleka Njoli; Site B: Ukuzithethela kwinto oyaziyo ukuba uyenzile.

Nomntu Tabata; Site B: Ukusithela ngesebe lenkawu: Ukukhanyela into oyaziyo.

Lulama Dorane; F Section: Kukuthetha into engekhoyo ube uyimele kodwa ayikho.

Zwelinnzima Tyhaliti; eHarare: Kuxa umntu ekhanyela into kodwa kucaca ukuba uyamazi unobangela.

. Ukuvatha iqaqa:

Nomthandazo: Ukuba mbi apha ebusweni utshitshe uqumbe.

Buyiswa: Ukuba nomsindo ungafuni nokuva.

Zukiswa: Ngumntu onomsindo, vela sehambela phezulu.

Anelisa: Kukuba nomsindo.

Native: Kukuba nomsindo.

Zoleka: Ukuba nomsindo.

Nomntu: Ukuba nomsindo utshintshe ebusweni.

Lulama: Kukuqumba.

Zwelinzima: Kuxa umntu enomsindo omkhulu.

. Isala kutyelwa sibona ngolophu:

Nomthandazo: Kuxa uxelelwa ungevi.

Buyiswa: Awuva kunqandwa okanye kuxelelwa into engalunganga oyenzayo.

Zukiswa: Ngumntu ongevayo ekundala enqadwa okanye exelelwa ngento ayenzayo engalunganga ibe neziphumo ezibi.

Anelisa: Ngumntu ongamameliyo ngoku anqandwayo abe engeva.

Native: Kuxa umntu eqhubeka ukwenza into engalungile nangona elunyukiswa ngobungozi bayo.

Zoleka: Umntu ongafuni kunqandwa naku cetyiswa, ubona ngengozi.

Nomntu: Ukusoloko unqandwa entweni uphikele uyenza xa ikujikele ume nematha.

Lulama: Umntu ongeva kunqandwa uzibona xa esengxakini.

Zwelinzima: Kubhekiswa kumntu ongafuni kucetyiswa.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo sibuzisa ngawo:

Ukusithela ngesebe lenkawu: Esi saci sibhekisa kumntu ozikhusela okanye ozithethelela ngento engekhoyo. Kaloku inkawu iye ithi xa izimela umntu ithathe isebe lomthi ilibeke apha kuyo ebusweni, ube wonke umzimba ungaphandle phofu, ingazilibali ke yona izimele. Le nto yenziwa naziimfene. Zithi xa zisiya kuba umbona emasimini ze zibonwe zisithele ngamadiza.

Ukuvatha iqaqa: Kuthethwa ngomntu onomsindo . Kaloku iqaqa asinto ukuba nomsindo, into ekutsho kubalasele nevumba elo lalo. Ungathi xa uliva ligquma ungalibali udibene nento enkulu yesilo.

Isala kutyelwa sibona ngolophu: Kutshiwo kumntu ongevayo, onenkani ade abe nazo naxa enqandwa ebheka engozini, kuthiwe uyakuthi shu ungabaselwanga. Ulophu ke ngumoya oshushu.

Amagama eveki edlulileyo:

Inkomo:

Ntuthuzelo Solani, Gugulethu: Inkomo yenqoma yintse’ngwibheka; Ithetha ukuphoxeka kwinto obuyithembile.

Nomthandazo: Ubuhle bendoda zinkomo; kutshiwo kwi ndoda embi.

Anelisa: Inkomo yenqoma yintse’ngwi’bheka; ithetha ukuthi into xa uyibolekile, hlala ulindele ingathathwa nanini na.

Native: Inkomo enotshobo ayinqandwa; kuxa umntu engeva zingcebiso zamntu ngenxa yezinto ezimehlelayo.

Nomntu: Yalala inkomo isengwa; aphelile amathemba.

Zwelinzima: lnkomo enotshobo ayinqandwa. Ngumntu ngafuni kwamkela xa etyiswa.

Engezwa Mngxozana, Harare: Inkomo yenqoma yintsengw’ebheka: Into oyibolekileyo ingathathwa nanini na ngumnikazi wayo.

Ucwethe:

Ntuthuzelo: Nocwethe uzibona ubukhulu; Libhekisele kumntu ozibona ubukhulu engenanto.

Nomthandazo: Uchane ucwethe: into enganqondakaliyo.

Anelisa: Uchan’ucwethe ngotolo; lithetha ukuba utsho kanye emxholweni.

Native: Ucwethe amaxhosa athi umntu othetha inyaniso uchanu cwethe kuxa uthethe into ebilindelekile.

Nomntu: Uchane ucwethe ngotolo; uyifumene into obuyifuna.

Zwelinzima: Nocweth’uzibon’ubukhulu. Kubhekiswa kumntu onomzimba ocekethekileyo kodwa yena ezicingela ukuba mkuhulu ngoko mzimba.

Mngxozana: Nocwethe uzibona ubukhulu; Kowakhe umngxuma wonke umntu uzibona ebhetele.

Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala malungu omzimba alandelayo:

Ingwe?

Inyathi?

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.