Iintsingiselo ze zaci namaqhalo

2019-02-28 06:00

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision. Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo. Sicela zonke impendulo zifike kuthi phambi koLwesibini.

ISACI: Ukuzinqikela ilitye eli neembovane?

ISACI: Ukuba nomoya wezikhova?

IQHALO: Isina-mva liyabukwa?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Imbabala yolwantunge:

Anelisa Matibe; Site B: Ngumntu osoloko ehamba okanye ehleli yedwa lonkixesha.

Zwelinzima Tyhaliti; Harare: Kubhekiswa kumntu obaleka kakhulu ingakumbi xa aleqwayo.

Zoleka Njoli; Site B: Itshivela elingenamkhondo.

Nonkqubela; Philippi: Ngumntu obaleka kakhulu.

. Uhili uphumile ezingcongolweni:

Anelisa: Xa into ibifihlwa ze ivele ngandlel’ithile kuthiwa uhili uphumile ezingcongolweni.

Luvuyo Shasha; Gugulethu: Amahlebo avelile.

Zwelinzima: Kutshiwo kumntu onemfihlo ezithe zavela elubala.

Anelisa Beja; Nyanga East: Imfihlo ivelile.

Zoleka: Ihlebo livelile.

Thulisiwe Vukubi; Site B: Obekufihlwa okanye obekufihlakele kuvele elubala.

Khanya Mpalo; Crossroads: Ndicinga ukuba kuthethwa ukuba ivelile into ebifihlwa.

Sinovuyo Mbelu; Gugulethu: Esi saci sithetha ukuthi inyani ivele elubala. Inyani icace gca okwekati emhlophe ehlungwini.

Lulutho Mbinda; Makhaza: Inyani ivelile okanye lonto ubuyifihla ibhaqiwe.

Nonkqubela: Ngumntu obekrokreleka kwinto ethile ngoku isekuhleni.

Nomntu Tabata; SiteB: Ihlebo livelile.

. Ubude abuphangwa:

Anelisa: Ukuba umzali wakho uthi izinto zokuqala zezokuqala, wena ubone ukuba ungenza oko kwenziwa ngabadala, kuye kuthwe ke ubude abuphangwa; sisilumnkiso esi.

Zwelinzima: Kuthethwa ukuthi akukho lula ukuzibona sewusisityebi, lilonke kufuneka usebenze nzima kuqala.

Beja: Into ayingxanyelwa funeka ulinde ixesha layo.

Zoleka: Ubukhulu abubangwa.

Sinovuyo: Nokuba inde indlela oyihambayo sukungxama, hleze kubekho nto ozitsibayo.

Nonkqubela: Sukubona umntu onendlu entle uzifake ematyaleni kuba ungafuni kogqithwa

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo eveki endlulileyo.

Imbabala yolwantunge: Esi saci sithetha umntu ongenasikhundla, itshivela. Ikwangumntu ongathembekiyo ukuba angenza ngozi ni na kwabanye. Imbabala le yinyamakazi ehlala ezingqaqeni, ekudeni. Ulwantunge lona lihlathi elingena mlinganiselo okanye siphelo. Le nyamakazi ithi ilapha ibe iphaya, kanti ke ikwayingozi kothe wasondela kuyo.

Uhili uphumile ezingcongolweni: Kuthethwa ukuba ihlebo livelile. Yinkolo yamaXhosa ukuba oohili, nabaziwa ngokuba yimpahla yamagqwirha, aba bagcinwa ezingcongolweni ngabo banabo. Uthi ke uhili ukuba ukhe wabhaqwa wabanjwa, njengoko kusithiwa bathanda ukudlala nabantwana, kuthiwe uphumile ezingcongolweni, into ethi livelile ihlebo .

Ubude abuphangwa: Eli qhalo lithetha nto inye neli lithi Ubukhulu abuphangwa.

Lithetha ukuba umntu lo asinto iba nkulu ngokuba isitsho; umntu uba newonga kuba ezalwa emanini okanye ngenxa yemisebenzi yakhe.

Ngokwengxelo, eli qhalo lavela mhla kwakubambene uNgonyama Tyhali owayezalwa ngumntu omnyama, no Feni Tyhali owayezalwa yinkosazana. Wagwetyelwa uFeni ngelithi ‘ubukhulu abubangwa ngamlomo, bahlulwa kukutshata kwabafazi.

Amagama eveki edlulileyo:

Ingwe:

Anelisa: Xakusithwa ingwe sisilwayana sasendle esimabalabala kutshiwo kumntu oqhayisa ngezinto anazo.

Zwelinzima: lngwe idla ngamabala. Umntu uzibonakalisa ngento anayo ukuba ungumntu phakathi kwabanye.

Kamvalethu Sopam; Crossroads: Ingwe idla ngamabala. Ngumntu oqhayisa ngento ebalaseleyo.

Beja: Ingwe idla ngamabala: ithetha ukuba umntu umntu akatshintshi kwinto ayiyo noba angayaphi na.

Khanya: Ingwe idla ngamabala; kuthethwa ukuba umntu uqhayisa ngento anayo.

Zoleka: Ingwe idla ngamabala; umntu uqhayisa ngento anayo.

Bomkazi Gayiya; Gugulethu: Ingwe izidla ngamabala; ithetha ukuthi umntu lento anayo uyayithanda nokuba ingakanani.

Nonkqubela: Ingwe izidla ngamabala; ngumntu ongab’ esithi ndizakwenza le naleya, uvel’ enze qha.

Nomntu: Ingwe idla ngamabala; umntu uzibonakalisa ngemisebenzi emihle into ayiyo.

Inyathi:

Anelisa: Inyathi ibuzwa kwabaphambili uthi ke amava nobuchule bufunyanwa kubantwabadala.

Zwelinzima: lnyathi ibuzwa kwabaphambili, kuthethwa ukuthi into engaziwayo ibuzwa kwabayaziyo.

Kamvalethu: Inyathi ibuzwa kwabaphambili, izinto zamandulo zibuzwa kubantu bakudala.

Beja: Inyathi ibuzwa kwabaphanbili, ithetha ukuba into ibuzwa kwabadala.

Khanya: Inyathi ibuzwa kwabaphambili; ithetha ukuba into ongayaziyo ibuzwa kwabadala kunawe.

Zoleka: Isisele senyathi; ngumntu onamava.

Bomkazi: Inyathi ibuzwa kwabaphambili; lithetha ukuthi into xa ungayazi yibuze ebantwini abadala.

Nomntu: Inyathi ibuzwa kwabaphambili; into ofuna ukuyazi uyibuza kwadala kunawe.

Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala malungu omzimba alandelayo:

Iphela?

Inja?

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.