Iintsingiselo ze zaci namaqhalo

2019-03-07 06:00

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

Sicela zonke impendulo zifike kuthi phambi koLwesibini.

ISACI: Inkungu nelanga?

ISACI: Ukudla amazimba?

IQHALO: Ikhuba lithengwa ngokubonwa?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Ukuzinqikela ilitye eli neembovane:

Thulisiwe Vukubi; Site B: Ukuziqalela ingxaki ongasoze uyimele.

Zwelinzima Tyhaliti; Harare: Esi saci sinye nesi esithi ukucanda olune nkume. Kukuzibizela ingxaki obungayi qondi ukuba inganobungozi.

Zoleka Njoli; Site B: Kukuzibizela inkathazo.

Mavis Nkata; Harare: Ukuziqalela lnkathazo.

Anelisa Beja; Nyanga East: Ukuzibizela into ekude kuwe.

Nokuphiwa Ndanda; eSamora: Ukuzibizela ingxaki.

Nomthandazo Gungqa; Crossroads: Kukuzibizela ingxaki.

Nomntu Tabata; Site B: Kukuzibizela ingxaki.

. Ukuba nomoya wezikhova:

Thulisiwe: Ukwenza into engalunganga okanye ukweza into engcolileyo.

Zwelinzima: Kukuba nengcinga ezingcolileyo nezi nobungozi kwabanye abantu.

Zoleka: Kukungcola.

Mavis: Ukuba nomoya ongalunganga.

Anelisa: Kukungcola.

Nokuphiwa: Ithetha ukugcola.

Nomthandazo: Kutshiwo kumntu ongcolileyo.

Nomntu: Kungaxoli nokuthandabuza.

. Isina-mva liyabukwa:

Thulisiwe: Oyena mntu ujongwayo ngowokugqibela.

Zwelinzima: Apha kubhekiswa kumntu owenze izinto ezintle mva kwabanye abantu.

Zoleka: Umntu owenza izinto mva uyanconywa kulityalwe ngabokuqala.

Mavis: Umntu ophumelela mva uyavuyelwa ngabantu.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo eveki endlulileyo.

Ukuzinqikela ilitye eli neembovane: Esi saci sithetha ukuzibizela ukhwembe-khwembe okanye ukuzifaka engxakini. Iimbovane zizinambuzane ezithanda ukuhlala phantsi kwamatye.

Athi ke xa ubani ethe waphakamisa okanye wachola ilitye ezihlala phantsi kwalo zingene kuye. Siyafana nesi saci sithi ukutheza olunenkume.

Ukuba nomoya wezikhova: Apha ke kubhekiswa kumntu onomoya ombi wokungcola, nomntu ofuna ukuziphatha. Isikhova yintaka yobumnyama.

Sithi ukuba sikhe sathi ngcu exhantini okanye phezu kwendlu sikhale kwaziwe ukuba kukho into embi eza kwenzeka kuloo mzi, into efana nokufa.

Nguloo moya wokushoba nokuzisa amashwa emzini.

Isina-mva liyabukwa: Eli qhalo lithetha ukuba oyena mntu ubukwayo ngulowo wenze into entle mgqibeli.

Kaloku abo benze kuqala kusukuba sele belityelwe. mnto inye neli lithi Ubukhulu abuphangwa.

Amagama eveki edlulileyo:

Iphela:

Thulisiwe: Iphela lingena ebhekileni icikiwe; ngumntu othanda indabazabantu.

Zwelinzima: Iphela; Apha kubhekiswa kumntu obawa kakhulu uye ade afaniswe nephela okanye impukane.

Zoleka: Iphela lingene emasini; kukunyelisa into entle.

Mavis: Ukungenwa liphela endlebeni; ukungamameli naxa sowunqandwa.

Anelisa: Iphela lingene endlebeni; ngumntu ongamameliyo.

Ncamile: Ukuba liphela emasini; kuku nyoluka.

Nomthandazo: Iphela emasini uthetha ukucalula abantu

Inja:

Thulisiwe: Inja izikhotha amanxeba; umntu uzimela ngokwakhe ingxak zakhe.

Zwelinzima: lnja izikhoth’amanxeba; ngumntu ongena mntu wakumnceda ezingxakini ade azikhuphe ngokwakhe kwezongxaki.

Zoleka: Izithukuthuku zenja ziphelela eboyeni; intetho yehlwempu ayanyelwa.

Mavis: Uyakwanja zothumlilo; kubi apho akusoloko kumnandi ibhekiswa kakhulu kumntu owendayo xa eyalwa kuthiwe emzini kukwanja zothumlilo.

Anelisa: Izithukuthuku zenja ziphelela eboyeni; intetho yomntu ongenanto ayinakwa.

Ncamile Xhamntwana; Makhaza: Izithuku thuku zenja ziphelela eboyeni; xa uthe wenza imisebenzi emihle kodwa ungavuzwa ngokwenzileyo:

Nomaphelo Mabutya; Philippi: Izithukuthuku zenja ziphelela eboyeni, ukubila kuphelela emzimbeni.

Nomphelo: Inja ayiwubuyeli umhlanzo wayo; awuyibuyeli into embi oyenzileyo.

Nomthandazo: inja izikhotha amanxeba; kutshiwo kumntu ongenamntu umhoyileyo.

Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala malungu omzimba alandelayo:

Imfene?

Isigcawu?

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.