Iintsingiselo ze zaci namaqhalo

2019-03-14 06:01

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

Sicela zonke impendulo zifike kuthi phambi koLwesibini.

ISACI: Ukuhlekwa ziintaka?

ISACI: Inkal’ inxinge etyeni?

IQHALO: Ikhuba lithengwa ngokubonwa?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Inkungu ne langa:

Zwelinzima Tyhaliti; Harare: lnkungu nelanga. Apha kubhekiswa kubantu abaninzi, abanyakazelayo nekunzima ukulibala inani labo.

Buyiswa Magqaza; Harare: Abantu abaninzi.

Zoleka Njoli; Site B: Abantu abaninzi.

Anelisa Beja; Nyanga East: Ngabantu abaninzi.

Simphiwe Phakamisa; New Crossroads: Xa kukho wonke umntu bezintlanga ngeentlanga kuloo nto ibizinyasiwe.

Ncamile Xhamntwana; Makhaza: Izinto okanye abantu abangadibaniyo.

Nomthandazo Gungqa; Crossroads: Kutshiwo kubantu abaninzi.

Nomapha Dindi; eSiqalo: Ngabantu abanintsi.

Zukiswa Mdunyelwa; Makhaza: Ngabantu abaninzi ndaweni ethile

Nomathemba Tabata; Site B: Abantu abaninzi.

Nonkqubela Duda; Philippi: Ndimeme umntu omnye kweza, inkungu nelanga. Beze ngobuninzi.

Nontando Mazwi; Makhaza: Ngabantu abaninzi abo.

. Ukudla amazimba:

Zwelinzima: Esi saci sibhekiswa kumntu ophilayo, kaloku umntu oswelekileyo akasakwazi kutya.

Buyiswa: Ukuphila xa ungabhubhanga.

Zoleka: Kukuphila.

Anelisa: Ukuphila.

Simphiwe: Xa umntu esaphila.

Ncamile: Kukuthi cwaka, ukuthula.

Nomthandazo: Kutshiwo umntu osaphilayo, hayi umabani usadla amazimba.

Nomapha: Kutshiwo kulowo usaphilayo, kutiwe utata wam usadla amazimba.

Zukiswa: Umntu xa esaphila ebuzwa ngulowo engasamboni kuthiwe ukhona usadla amazimba.

Nomathemba: Umntu othanda ukusela.

. Ikhuba lithengwa ngokubonwa:

Zwelinzima: Apha kubhekiswa kumntu ozibonakalisa elubala imisebenzi yakhe emihle nelungileyo khon’ukuze avuzwe ngoko athe wakwenza.

Buyiswa: Xa ubonisa into ukwenzela abantu bayibone kakhulu ibhekiswa kwintombi enxiba izinto eziveza amathanga ngaphandle.

Zoleka: Ukuba nomdla wento ngokuyibona.

Anelisa: Umntu ofuna into kuba eyibona.

Simphiwe: Umntu uthi aze abenomdla wento aqale ayibone.

Ncamile: Xa uthengisa okanye unento ofuna yaziwe uyibeka elubala okanye uyipapashe.

Nomapha: Into ayithengwa ifihlakele yiveze ebantwini ukuze bayibone bazoyitenga.

Nomthandazo: Umntu anxibe ilokhwe efutshane, umkhuze hayi bo uzothi ikhuba lithengwa ngokubona.

Zukiswa: Kuthethwa kwintombi ezilungisileyo isenzela ubonwa ngabafana.

Nomathemba: Ukuqhayisa ngento onayo.

Nonkqubela: Ngumntu othixa ebona uthambisa umlomo acele.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo eveki endlulileyo.

Inkungu ne langa: Inyambalala okanye into eninzi.

Ukudla amazimba: Kubhekiswa kumntu osaphilayo. Amazimba ke kutywala.

Ikhuba lithengwa ngokubonwa: Wonke umntu unga angazibonela into, angevi ngokuviswa. Kunjalo ngakumbi kwaXhosa, kuba wohamba umhlaba, enga loo nto ayifunayo angayibona, akholwe yiyo phambi kokuba ayithabathe. Abantu bayalahlekelwa kwezi mini ngokuthenga nge posi izinto abangazibonanga, zize zifike kubo zingeyyiyo laa nto bekuthiwe ziyiyo.

Amagama eveki edlulileyo:

Imfene:

Zwelinzima: lmfene ayigugi kuguga umsila. Apha kubhekiswa kumntu othi nangona selemdala abe esakhuphisana nabancinci ngezinto.

Zoleka: Isandla semfene; isandla sasekhohlo.

Simphiwe: Iimpumlo zemfene; ngumpu lowo.

Ncamile: Ukuba nonyawo lwemfene; ukukrokrisa.

Ncamile: Ukuba nesandla semfene; ukuba linxele.

Nomthandazo: Unenyawo lwe mfene; kutshiwo xa kukho into enganqondakaliyo kuthiwe kukho unyawo lwemfene apha.

Nomathemba: Imfene; Umntu onenqala okanye onenzondo okwemfene.

Nonkqubela: Unyawo lwemfene; Uthi xa ucela inxiwa kuthiwe uzakucandelwakwiveki ezayo. Igqithe xa ukhumbuza babik’imbiba babikukhozi, kucace ukuba kukho unyawo lwemfene.

Ntuthuzelo Solani; Gugulethu: Ukuba nonyawo lwemfene. Xa sukube kukho into engaqondakaliyo ukuba ihambe njani kuye kuthiwe lukhona unyawo lwemfene kule nyewe.

Nomaphelo Mabutya; Philippi: Ukuba nesandla semfene; ukusebenzisa isandla sasekhohlo.

Nomaphelo: Imfene yakho iphala kade; ukufika emva kwesithonga okanye isenzeko.

Isigcawu:

Zwelinzima: Yintambo yesigcawu; kutshiwo kwinto engomelelelanga ,engathembakelanga neno kuqhawuka nanini na.

Zoleka: Ukulala izigcawu; yinto engasasetyenziswayo.

Anelisa: Isigcawu sendlela; umntu othanda uhamba.

Simphiwe: Isigcawu sendlela; ngumntu ohamba gqithi ngezantya.

Nomthandazo: Inabile okwe ntambo zesigcawu; kutshiwo kwinto ende eninzi.

Ntuthuzelo: Ukugabula izigcawu. Xa ushwankathela intetho; kukugabula izigcawu.

Nomaphelo: Ukuzimela ngendlu yesigcawu; ukuzimela ngento engekhoyo.

Nomaphelo: Ingabula zigcawu; amagqabantshintshi.

Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala magama alandelayo:

Isele?

Umvundla?

Sithi Huntshu kuni nonke, ukwanda kwaliwa ngumthakathi.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.