Iintsingiselo ze zaci namaqhalo

2019-04-04 06:01

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

Sicela zonke impendulo zifike kuthi phambi koLwesibini.

ISACI: Irewu elinomsila?

ISACI: Umqa womel’ephinini?

IQHALO: Isiqhelo siyayoyisa ingqondo?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

. Igugu lingaba likhulu, umbombo uyaqhosha:

Nonkqubela Duda; Philippi: Xa uqhayisa ngento ongaqinisekanga ngayo. Kuthiwe igugu lingabalikhulu umbombo uyaqhosha.

Zoleka Njoli; Site B: Ikratshi landulela isiwo.

. Amazimba aphantsi:

Nonkqubela: Ngumntu oxakekileyo.

Anelisa Beja; Nyanga East: Kukuxakeka.

Zoleka: Kukuxakeka.

. Ukubetha ngemfe iphindiwe:

Nonkqubela: Ngumntu okhohlisa abanye.

Anelisa: Ukuqhatha okanye ukuxokisa.

Zoleka: Ukuqhatha.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo eveki endlulileyo.

Amazimba aphantsi: Kuxa uxakekile, izinto zingamanga kakuhle.

Ukubetha ngemfe iphindiwe: Kuthethwa ukukhohlisa. Imfe ephindiweyo yileyo etyiwe yade yaangamakhambi. Xa unika umntu into enjalo ufana nongamnikanga nto. Kukwathethwa ngokumenzakalisa umntu.

Igugu lingaba likhulu, umbombo uyaqhosha: Akulungile ukuzingca okanye ukuzigwagisa kakhulu ngento oyiyo, mhlawumbi into oyenzileyo, hleze ubuye udane, oko kukuthi ugobe umnqonqo. Ngamafutshane kuthethwa ukuba ikratshi landulela isiwo.

Amagama eveki edlulileyo:

. Umqala:

Nonkqubela: Umqala uyagquba; ngumntu orhalela into etyiwa ngomnye.

Nonkqubela: Kuhla ngamqalamnye, kuxa umoshwe ngumntu naye akumoshe, uyaphindisa.

Zoleka: Umqala uyagquba; kukurhalela into.

. Izandla:

Nonkqubela: Ndibotshwe izandla neenyawo; ngumntu mhlawumbi umntwana ofuna ukwenzelwa isiko abe utat’ ekhaya engekho. Umama akanayo indlela yokwenza.

Anelisa: Izandla ziyahlambana; kuyancedwana.

Zoleka: Izandla ziyahlambana; kuyancedwancedwana.

. Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala magama alandelayo:

Isitya?

Umtya?

Sithi Huntshu kuni nonke, ukwanda kwaliwa ngumthakathi.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.