Iintsingiselo ze zaci namaqhalo

2019-04-11 06:01

Sithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo.

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

Sicela zonke impendulo zifike kuthi phambi koLwesibini.

ISACI: Amathe no lwimi?

ISACI: Ukubhibhidla amazinyo?

IQHALO: Isisila senkukhu sibonwa mhla ligquthayo?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Irewu elinomsila:

Buyiswa Magqaza; Harare: Utywala kuba liyanxilisa yiyo lento kuthwa linomsila.

Anelisa Beja; Nyanga East: Butywala.

Zoleka Njoli; Site B: Kukudityaniswa kwerewu notywala.

Sindy Sipika; Ilitha Park: Butywala besiXhosa.

Nomathemba Tabata; Site B: Butywala besiXhosa.

Luvo Niyakhe; Philippi: Yinto enento engaqondakaliyo.

. Umqa womel’ephinini:

Buyiswa: Uxakiwe okanye uxakenene nento.

Anelisa: Ukuxakwa yinto.

Zoleka: Kukuba sengxakini.

Sindy: Kutshiwo kumntu osengxakini.

Nomathemba: Kukuxakwa yinto engasombululekiyo

Luvo: Kukuxakana nento ubuyenza.

. Isiqhelo siyayoyisa ingqondo:

Buyiswa: Xa uqhele ukwenza ude uyobaxe.

Anelisa: Kunzima ukuyeka into xa sele uyiqhelile.

Zoleka: Kukuqhela ukwenza lonto ethile de ungaboni naxa izinto sezitshintshile.

Sindy: Umntu kufuneka ayilumkele yonke imikhwa anayo, ngakumbi emibi kuba kuya kuba nzima ukwahlukana nayo.

Noloyiso Matu; Site B: Xa umntu eqhele ukwenza into ethile ze angakwazi ukwahlukana nayo ngenxa yesiqhelo.

Thembisa Makanda; Ilitha Park: Apho uqhele ukufumana kona into esisisulu ngoku ufike ingeko kutiwe isiqelo siyayoyisa ingqondo

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo eveki endlulileyo.

Irewu elinomsila: Le ntetha ibhekisa kutywala besiXhosa. Kaloku amarewu awanxilisi, kanti xa enomsila kuthethwa ukuba kugalelwe ezinye izinto ezinxilisayo, nje ngoko nomntu obuselayo uba nomsila aphume izinto.

Umqa womel’ephinini: Kutshiwo kumntu osengxakini okanye ukuxakwa yinto.

Isiqhelo siyayoyisa ingqondo: Kuthethwa ukuba umntu kufuneka ayilumkele yonke imikhwa anayo, ingakumbi emibi kuba kuya kuba nzima ukwahlukana nayo.

Amagama eveki edlulileyo:

. Isitya:

Anelisa: Isitya esihle asidleli; umntu olungileyo akaphilithuba elide.

Zoleka: Isitya esihle asidleli; umntu olungileyo akahlali.

Sindy: Isitya esihle asidleli; umntu owenza izinto ezintle akaphili xesha lide.

Nomathemba: Isitya esihle asidleli; ukufa komntu omtsha obeluncedo.

Luvo: Isitya esihle asidleli; kukusweleka komntu ebeluncedo kwikhaya nasekuhlaleni.

Nontuthuzelo Solani; Gugulethu: Isitya esihle asidleli; kuxa sishiywe ngumntu obeyinto ebantwini.

Russel Kele; Tambo: Isitya esihle asidleli; umntu olungileyo ukhawuleza asweleke.

. Umtya:

Anelisa: Umtya nethunga; ngabantu abavanayo.

Zoleka: Umtya nethunga; abantu abavanayo.

Sindy: Umtya nethunga; ngabantu abevanayo abasoloko bethene nca.

Nomathemba: Umtya nethunga; abantu abangohlukaniyo.

Luvo: Umtya nethunga; ngabantu abavanayo kakhulu, awunakukwazi nokuhleba omnye ngomnye ngohlobo abavana ngalo.

Nontuthuzelo: Umtya nethunga; abantu abavanayo.

Russel: Umtya nethunga; abantu abavana kakhulu.

. Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala magama alandelayo:

Ithumbu okanye amathumbu?

Umnwe?

Sithi Huntshu kuni nonke, ukwanda kwaliwa ngumthakathi.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.