Iintsingiselo ze zaci namaqhalo

2019-04-18 06:00

Sithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo.

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo. Sicela zonke impendulo zifike kuthi phambi koLwesibini.

ISACI: Ukubek’ inqawa?

ISACI: Ukugxwala emswaneni?

IQHALO: Ukusa akufiki kabini ukuvusa umntu?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Amathe no lwimi:

Nomathemba Tabata; Site B: Abantu abasoloko bekunye.

Anelisa Beja; Nyanga East: Abantu abavanayo.

Mandi Tshangisa; Site B: Kuthethwa ngobuhlobo obunyanisekileyo apha obungankwalambisiyo. Ulwimi namathe zihlala kunye emlonyeni kwaye amathe ngala asoloko egcine ulwimi lunyakamile pha emlonyeni.

Mavis Nkatha; Harare: Ngabantu abasoloko bekunye abantu abavanayo.

Luvo Niyakhe; Philippi: Ngabantu abavanayo abasoloko bekunye bengenakwahlulwa.

Zoleka Njoli; Site B: Abantu abangahlukaniyo.

Zwelinzima Tyhaliti; Harare: Apha kubhekiswa kubantu abasoloko bekunye ekwenzeni izinto .Esi saci sinye nesi sithi,”lntlaka nexolo.

Zukiswa Mdunyelwa; Makhaza: Kuthethwa abantu abasoloko behamba kunye okanye abavanayo.

. Ukubhibhidla amazinyo:

Nomathemba: Ukuthetha into engahoyekanga.

Anelisa: Ukuthetha into engekhoyo.

Mandi: Yimbudede leyo.

Mavis: Ukuthetha nje ungenzinto.

Luvo: Ukuthetha into engenako ukundinceda okanye engekhoyo.

Zoleka: Ukuthetha unobenani.

Zwelinzima: Kubhekiswa kumntu othetha into engavakaliyo nengenantsingiselo.

Zukiswa: Kuthethwa kumntu ongayibaliyo into ayithethayo.

. Isisila senkukhu sibonwa mhla ligquthayo:

Nomathemba: Abantu abavanayo mhla baxabana kuvele izinto.

Anelisa: Imfihlo ivela xakuxatyanwa.

Mandi: Isimilo somntu uyakusibona kakuhle mhla wamphatha kakubi wamvisa ubuhlungu.

Mavis: Xa bathe baxabana abantu abebevana ziyavela iimfihlo zabo.

Luvo: Kuxa abantu bexabana bathethe nezinto ebezifihlwa.

Zoleka: Isimilo somntu sibonwa mhla kukubi.

Zwelinzima: lthetha ukuthi umntu ubonakala xa enomsindo ukuba isimilo sakhe sinjani na.

Zukiswa: Kubantu bebefundula bevana, kanti bavana ngabanye abantu xana kukubi sebexelelana indaba zabo.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo eveki endlulileyo.

Amathe no lwimi: Zizinto okanye abantu abangahlukaniyo; abahlobo abakhulu.

Ukubhibhidla amazinyo: Kutshiwo kumntu othetha imfeketho, ngokungathi ngumntwana lo ufunda ukuthetha.

Isisila senkukhu sibonwa mhla ligquthayo: Eliqhalo lithetha ukuba izinto ezininzi, amahlebo, izinto ezifihlakeleyo zivela mhla kukho iingxoxo ezishushu. Okanye abantu abamisindo ifihliweyo babonwa mhla mhla kukho iingxabano, njalo, njalo. Isukela ekubeni isisila senkukhu, indununu ukutsho, yinto efihlakeleyo ibonakala mhla kugquthayo .

Amagama eveki edlulileyo:

. Ithumbu okanye amathumbu:

Nomathemba: Limathumbu esikhwenene; kuxa kusibekele.

Anelisa: Limath’umb’ asikhwenene; lisibekele.

Mavis: Limathumbantaka; lisibekele liyezisa.

Luvo: Limathumba ntaka; kuxa isimo sezulu singesihle linamafu kungathi kunganetha.

Zoleka: Ithumbu; ligqibelo okanye untondo.

Zwelinzima: lzulu limathumb’antaka; kuxa izulu lisibekele, kaloku amathumbu entaka amnyama akekho amhlophe

. Umnwe:

Nomathemba: Ukukhomba ngomnwe ophakathi; kuxa ulungelwe izinto zikuhambela kakuhle.

Anelisa: Umnwe awuzikhombi; umntu akazijikeli kwinto ayiyo.

Mavis: Kukho umnwe kulento; kukhona into engalunganga.

Luvo: Ukuba nonwe akanye iminwe emide; kukubalisela.

Zoleka: Ukubotshwa umnwe; kukulophoza, ukuntwela.

Zwelinzima: Umnwe awuzikhombi; apha sithetha ngomntu ongaziboniyo imposiso zakhe koko ebona ezabanye nqwa nomnwe kulula ukukhomba kweminye kodwa kunzima ukukhomba kuwo.

. Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala magama alandelayo:

Amadolo?

Izigcawu?

“Maz’enethole zidwesha zelizwe lakowethu. Makubechosi kube hele. Amathol’anyongande kukudlelana. Huntshu kuni nonke, ukwanda kwaliwa ngumthakathi,” Zwelinzima.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.