Ikamva lisinika ithemba

2018-10-25 06:02
Umbutho Ikamva Labantu ibibhiyozela imini yamasiko nabantu abadala eKhayelitsha.Umfanekiso: siyabonga kalipa

Umbutho Ikamva Labantu ibibhiyozela imini yamasiko nabantu abadala eKhayelitsha.Umfanekiso: siyabonga kalipa

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Umbutho wentlalontle wase kuhlaleni, Ikamva Labantu, uhlabe ikhwelo eluntwini, lokuba luzidle ngamasiko kwanenkcubeko yalo.

Lo mbutho, nojongene nokuphuhlisa, uxhobise abantu abadala, usingethe lo mnyhadala kwi-ofisi yawo eKhayelitsha kwiveki ephelileyo. Njengenxalenye yalo msitho, amalungu ebethengisa, ekwabonisa ngezinye zezinto azenza ngezandla, oku kuquka imibhaco, iintsimbi, impahla, kwakunye nembadada.

U-Lulama Sigasana, nongumphathi-nkqubo zabadala kulo mbutho, uthe babhiyozela abantu abadala ngokuba bathabatha inxaxheba ekulweni, ukuze ilizwe libe liyakhululeka.

U-Sigasana uthe abantu abadala ngabantu boxolo, kwaye ngabo abenza ilizwe lethu libe yilento liyilo namhlanje.

“Indela oluphetheke ngayo ezindlini nasekuhlaleni uninzi lwabantu abadala, iye ibangele senze imibhiyozo enje, sibalise ngeentlungu zabo,” utshilo uSagasana.

Uyichaze le mini njengosuku lokuba abantu abadala bazonwabise.

U-Sagasana uthe umbutho wabo uneeklabu zabantu abadala ezingama 21 phantsi komasipala ombaxa waseKapa.

Phakathi kokunye uSagasana uthe baye bandwendwele abantu abadala abangakwazi kuzenzela nto, ukwenza impilo yabo ngcono.

Igqala lalo mbutho ekwalilungu le klabhu iNomzamo kwa Langa, uThobeka Kilili(64), uthe beze kumbhiyozo bengabantu abadala ukuze bazonwabise ngokuthi bazikhumbuze nge buyambo yabo.

Wongeze ngelithi bayazithanda iintsuku ezinje, kuba baye bafumane ithuba lokulibala ngeengxaki abahlangana nazo bengabantu abadala.

“Uninzi lwethu apha sikhulisa abazukulwana bethu kuba abazali babo babashiya nathi. Andithethi ke ngeengxaki esizifumana eluntwini,” utshilo uKilili.

U-Ellen Zwane(76) weklabhu iMasincediswe, eKhayelitsha, uthe: “Sikwanqwenela ukudlulisa oko sikwaziyo ngamasiko ebantwaneni nakwisizukulwana sethu.”

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.