Ikhalela iipilisi zayo ingwevukazi

2019-08-08 06:01
U - Beatrice Kula ulahlekelwe ngamaphepha akhe eziko lezempilo lase Nyanga.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

U - Beatrice Kula ulahlekelwe ngamaphepha akhe eziko lezempilo lase Nyanga.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ikhalela uncedo lwezempilo inkondekazi yaseNyanga, uBeatrice Kula, emva kokunyamalala kwamaxwebhu akhe ezempilo.

Le ngwevukazi (neminyaka ingama 88) ityhola ngelithi sele ineenyanga ezintathu ingafumani ncedo ngenxa yesi sihelegu.

U-Kula utyhola ngelithi ngethuba etyelele iziko lezempilo laseNyanga kwinyanga kaCanzibe wachazelwa ngabasebenzi ukuba amaxwebhu akhe ezempilo awabonakali.

Uhambise wathi wachazelwa ukuba akukho ndlela yokuba ancedakale. “Ndaye ndothuka xa ndixelelwa ukuba amaphepha am alahlekile ngoko ke andizukuncedakala,” utshilo uKula.

Uthe waphinda watyelela eli ziko kwinyanga yesi Silimela, nalapho wafumana esezolo.

Uqhube wathi ubuyele kwakhona kweli ziko kwinyanga ephelileyo nalapho aphinde waxelelwa ukuba ezimpepha azikafumaneki.

Le nto ithetha ukuba sele kuqengqeleke iinyanga ezintathu engazifumani iipilisi zakhe zamathambo kwakunye nezoxinezelelo lwegazi.

Wongeze ngelithi ngethamsanqa uye wazifumana ngethuba eye kwisibhedlele iGroote Schuur, nalapho ahambela khona unyango lo mlenze. “Ndincedwe kwesa sibhedlele nangona bendingayelanga zona,” utshilo.

U-Kula uthe kuyo yonke le nto yokulahlekelwa kwakhe ngala maxwebhu unoloyiko lokuba angaphela efumana inaliti engahambelaniyo nomzimba wakhe.

“Kukho inaliti endingahlanganiyo nazo ezicacisiweyo kulamaphepha alahlekileyo ngoku ndiyoyika kuba abazozazi ezonaliti kwaye lonto ingabeka impilo yam emngciphekweni,” utshilo.

Umzukulwana ka Kula uZandile Kula uthe abayithandi indlela ekwenziwa ngayo kweli ziko lezempilo kuba bona bayaphangela ngoku kufuneka bathathe iintsuku ukukhapha umakhulu aphinde angancedakali.

Othethela isebe lezempilo leNtshona Koloni uMonique Johnstone uthe ngethuba eyekwiziko lezempilo eNyanga uyewaxilongwa kwaye belingekafiki ixesha lokuba afumane ipilisi nento athe wayicaciselwa.

Uthe inkcukhacha zempepha zika Kula banazo kubuxhakaxhaka be internet.

Waleke ngelithi bayamkhuthaza uKula ukuba athethe nomphathi weziko lezempilo lase Nyanga xa enemibuzo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.