IKonsati ka Maskandi ibuyile

2018-10-25 06:02
Imvumi yomculo ka Maskandi uPhuz’ekhemisi yenye yeemvumi eziza kuthi zonwabise uluntu kwibala lemidlalo laseKhayelitsha

Imvumi yomculo ka Maskandi uPhuz’ekhemisi yenye yeemvumi eziza kuthi zonwabise uluntu kwibala lemidlalo laseKhayelitsha

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

I-Radio Zibonele, iziko losasazo lasekuhlaleni, luzakube libhiyozela ukubamba ikonsati yohlobo lo mbhaqanga okwesithatthu kulo nyaka.

Le konsati, nezakubanjelwa eKhayelitsha Stadium, kulindeleke ukuba yonganywe ngamakhulu-khulu abathandi bomculo kaMaskandi, ekulindeleke ukuba baligcwalise elibala lemidlalo laseKhayelitsha kwimpelaveki ezayo, umhla we 3 November.

Phakathi kweemvuki ezizakuthi zonwabise uluntu ngoo mpondo-zihlanjiwe uPhuz’ekhemisi kunye no Shushu Baby.

Ukanti iiqela leemvumi zephondo ezi njengo Phila Badane no Mboqo, yinxalenye yeemvumi ezizakuthi zabelane ngeqonga.

U-Ntips Shete, nongu Mququzeleli walo msitho , uthi eli lithuba lokuba abahlobo, izihlobo kunye nezalamane zihlangane ndawonye zonwabele inkcubeko yakwaNtu. Uthe baqule baligangatha ukulungiselela lo myhandala, nosele ukumnyaka wesithathu.

U-Shete wongeze ngelithi injongo yalo mnyhadala kukukhuthaza nokonyusa izinga lomculo ka Maskandi.

“Siqaphele ukuba kukho ukukhula nokuxhaswa okuthe gqolo kolu hlobo lo mculo,” utshilo.

Wongeze ngelithi lo mnyhadala wenzelwa ukunika abathandi nabaxhasi balo mculo iqonga lokuba badibane ndawonye.” U-Shete uthe ukususela ngomnyaka ka 2016, ukuqala kwabo ngalo mnyhadala, kubekho inkxaso no tshintsho olumandla. Ngo 2016, uthi, baqale kwi holo iMew Way, ngoku bangenela kwibala lezemidlalo.

Amasango avulwa ngo 8:00 am, kuhlawulwa R120 emasangweni.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.