Iliso

2019-07-11 06:00
Abanye babasebenzi baxakekile egadini.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Abanye babasebenzi baxakekile egadini.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ukhuthaza ulimo ukulwa indlala ne ntlupheko umbutho wesisa ozimeleyo Iliso Care Society yaseSite C.

Lo mbutho, no neenkqubo zophuhliso ezahlukeneyo ekuhlaleni, uthi eyona njongo yawo kuku khuthaza uluntu ukuba luvuke luzenzele. Kungoku nje umaxhaphetshu utyala uthotho lwe mifuno ukuzama ukugxotha ikati eziko.

Amalungu amathathu alo mbutho athe aqalisa igadi yemifuno kwi sikolo samabanga aphantsi i Encotsheni, kwinyanga yoMqungu, emva kokuthi xha iminyaka emibini ngenxa yokumoshwa yi migewu.

Ecacisa ngokuqala kwabo eli phulo, uNtombothando Tusani uthe baqala ukulima ngomnyaka ka 2006. Baqhube neli phulo de kwaba ku kunyaka ka 2016.

Uthe injongo yabo kukuzama ukuncedisana nephulo labo lokuphekela abantu abadala ekuhlaleni.

“Iliso inenkqubo ezininzi ezenzayo ukuzama ukuphuhlisa ukuhlala, kuquka uphekela abantu abadala, ukugcina abantwana abancinci, ukuphuhlisa abantu abangoomama, nokuncedisa abantwana kwizifundo zabo ezikolweni,” utshilo uTusani.

Woleke ngelithi ukulima imifuno kubanceda bonge imali. “Ngoku akukho mfuneko yokuba sithenge yonke into ngoba uninzi lwezinto esizisebenzisayo siyazilimela,” utshilo.

Phakathi kwezinye izinto batyala ikhaphetshu, itswele, iminqatha kunye nesipinatshi.

U-Tusani uthe umnqweno wabo kukuba bayandise le gadi balime neminye imifuno. Ukwacele inkxaso eluntwini ngelithi banqwenela ezinye izixhobo zokusebenza.

“Eyona nto imandla kukunqongophala kwamanzi ngenxa yokungabinampompo,” utshilo. Ixesha elininzi uthe baye banyanzeleke ukuba bathuthe amanzi ngeembombozi njengoko bengena lungelo lakusebenzisa amanzi esikolo.

Uthe banqwenela inkxaso nokuba bangafakelwa umpompi, i bore hole ngolwimi lwase mzini. “Siyazidinga neempahla zokusebenza, kwaye ne mihlakulo imbalwa,” utshilo.

U-Nico Falten, osebenza ngaphandle kwentlawulo, uthe uqale ukuba yinxalenye yalamalungu kwinyanga ezine ezidlulileyo.

“Emva kokuhlala ixesha elide ndingaphangeli ndiye ndagqiba ekubeni ndibe nento endiyenzayo ndingahlali nje. Nangoku ngalomzuzwana ndifunde lukhulu ngendlela igadi ephathwa ngayo nangohlobo ezikhuliswa ngalo izityalo,”utshilo uFalten.

Uthe rhoqo ukusuka ngoMvulo uyakuma ngoLwesihlanu baqala ukusebenza ngentsimbi yesibhozo kusasa de ibe yintsimbi yesihlanu malanga. “Asiphangeli ngempelaveki naxa izintsuku zeholide,”ucacise watsho wongeza ngokubongoza ulutsha ukuba luvuke luzenzele.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.