Iliwa libhek’ umoya kwaThomas

2019-10-17 06:00
Umakhulu kaZukhanye uNtombekhaya Thomas wosula inyembezi ngelixa indodakazi yakhe ahlala kuyo uNotheko Booi izolile.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Umakhulu kaZukhanye uNtombekhaya Thomas wosula inyembezi ngelixa indodakazi yakhe ahlala kuyo uNotheko Booi izolile.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Inkal’ ixingetyeni kusapho lakwa Thomas kwindawo yamatyotyombe ooTR eSite B, emva kokushiywa ngumzukulwana walo kwisithwakumbe somlilo ngoLwesine weveki edlulileyo.

Kungoku nje olu sapho lucela amalizo kuye nabani onako ukufaka isandla ukuze lubeke lo mntwana, uZukhanye (ononyaka oneenyanga ezisibhozo), kwikhaya lakhe lokugqibela.

Esi siganeko sifike olu sapho lusazikhotha amanxeba emva kokuba iteksi ithe yambonzeleka kwindlu yalo, nto leyo ithe yakhokelela kuqhankqalazo nokuvalwa kwendlela iMew Way kwiveki ephelileyo.

Umakhulu wale ntwazana uNtombekhaya Thomas uthe baxheleke kakhulu sesi siganeko belusapho. Uthe ufumene umyalezo ngethuba esemsebenzini eyalelwa ukuba akhawuleze abuye.

U-Ntombekhaya uthe ekufikeni kwakhe wakhweliswa emotweni ukuya endlini yakhe, nalapho athe waqaphela umonakalo kwihoki yakhe. Uhambise wathi uye afakwa kwenye yeehoki zabamelwane. “Into yokuqala eye yafika engqondweni yam ngumntwana,” utshilo. Ukanti akhange kubekho mntu umphendulayo xana ebusiza ngoZukhanye. “Ndaphinda ndabuza okwesibini ndabe sele ndixelelwa ukuba ubhubhile,” uhambise watsho. Uthe wachazelwa ukuba umntwana ebeshiyeke yedwa ehokini ngethuba unina eyokuthenga ukutya kwindawo yoshishino iNonkqubela, eSite B.

U-Ntombekhaya nobekhangeleka exhelekile emphefumlweni, uthe umzukulwana wakhe usweleke eme ngenyawo phezu kwebhedini. “Lo mlilo kuthiwa uqale kanye kweli gumbi belilele umntwana. Nangoku yiyo yodwa ihoki etshileyo ezinye endimelene nazo azenzekanganto,” utshilo.

Ubungekacaci unobangela walo mlilo.

U-Ntombekhaya, nosazilele umyeni wakhe, uthe akalazi ukuba libhadi lantoni eli limombetheyo. “Ndizogqiba inyanga ngoku ndisuka ekhaya ndiyongcwaba umyeni wam. Akukapheli neveki ezimbini nditshayiselwa ihoki yi-taxi yakugqiba yabaleka. Kungekapheli neveki nditshelwa yihoki ndiswelekelwa ngumzukulwana wam. Andiyazi ngoku ukuba ndizoqala ngaphi ndibheke ngaphi,” utsho uNtombekhaya.

Woleke ngelithi sisiganeko sesithathu esi besehle ngeCawe yaleveki ingaphaya kwale indluliyo sokutshayiselwa ihoki yakhe zizithuthi.

“Into endiyifunayo yindlu ndimke kulendawo ngoba kuyabonakala ukuba ndizakufela apha nabantwana bam. Isixeko saseKapa masindincede sindisuse apha sindifunele indawo engcono kunale,” uthethe watsho uThomas wongeza ngelithi okwalomzuzu usafihle intloko endlini yendodakazi yakhe ekumatyotyombe ooUT.

Othethela iSixeko saseKapa kwicandelo lezentlekele Jermaine Carelse usingqinile esi siganeko watsho esithi bathe xa becoca emva kokuba begqibile ucima umlilo babona umzimba wosana otshileyo ngaphantsi kwenkunkuma.

Woleke ngelithi zikhona nezinye iziganeko zomlilo ezithe zehla kule mpelaveki idlulileyo kwingingqi ezahlukeneyo apho kuye kwakho abantu abaphulukana nemiphefumlo.

“NgeCawe ekuseni kusweleke abantu ababini emva kokutsha kwendlu kunye nehoki ibinxusile. Kwakhona ngentseni yangoMvulo kutshe kwasweleka umntu ePhilippi,” uthethe watsho uCarelse. Wongeza ngelithi yonke le mililo unobangela awaziwa ukanti amatyala anikelwe emapoliseni.

Olilungu lesigqeba kwikomiti kasodolophu kwisebe lezokuhlaliswa kwabantu uMalusi Booi uthe besiSixeko sele bewathumele amagosa abo ukuba aye kuvelela usapho.

Uthembise ngelithi bonke abantu abahlala ecaleni kwendlela uMew Way bazakususwa bakhangelelwe indawo yokuhlala nanje ngoko kuzakwandiswa indlela ukulungiselela iibhasi zika MyCiTi.

“Ukususwa kwa bantu akuzukwenziwa kuba kwehle esi siganeko ulwakhiwo lwendlela sele luqalile qha silinde nje ukuba sazi ukuba kuzakuqalwa nini kula ngingqi,”uthethe watsho uBooi.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.