Intlonti ezi Caweni

2019-02-21 06:00
Umseki wombutho Kingdom Queen nokwangumfundisikazi ePum Tree House Ministries Nokwanda Makwela uthetha nogxa bakhe ngexesha lentlanganiso. Umfanekiso: unathi obose

Umseki wombutho Kingdom Queen nokwangumfundisikazi ePum Tree House Ministries Nokwanda Makwela uthetha nogxa bakhe ngexesha lentlanganiso. Umfanekiso: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Amalungu eenkonzo ezahlukeneyo, kunye nemibutho ezimeleyo, adibanise iintloko kwisikolo samabanga aphakamileyo sase Gugulethu, iNtshukumo Comprehensive ngoMgqibelo odlulileyo, ngelinge lokugwadla umba wokuhlukunyezwa kwabantu ababhinqileyo ngokwesondo ezinkonzweni.

Le ndibano ibiququzelelwe ngumbutho iKingdom Queen, eseGugulethu, nojongene nokuxhobisa uluntu, ingakumbi abantu ababhinqileyo, ukuba bazimele.

Lo mbutho ukwalwela ubulungisa kwiinkundla zamatyala, kwaye ukhuthaza umthetho ukuba udlale indima yawo.

Ezinye zeenkonzo kunye nemibutho ebeyinxalenye yale ndibano, ibiyi Wesley Guilders, MaAfrika Ministries, ANC Women Ministries, Ilitha Labantu, Amalungisa kunye nenkonzo yesipolisa yase Gugulethu.

Ongumseki walo mbutho, uMfundisi uNokwanda Makwela, uchaze le ntlanganiso njengendlela elungileyo yokujongana nemeko ezinobuzaza ezinkonzweni.

U-Makwela, nophuma kwibandla iPalm Tree House Ministries, uthe zininzi izinto ezimanyukunyezi ezenzeka ezicaweni.

Uthe ixesha elininzi ezi zinto ziye zinyathelwe ngenyawo. “Into ebangela ukuba sidibane apha kukuzama ukuba size nezisombululo kwezingxubakaxaka zigqubayo ezinkonzweni,” utshilo. “Enye yazo kukuxhatshazwa kwamantombazana ngokwesondo ngabefundisi.”

Lo mbutho usekwe emva kokuba intwazana ethile, egama lingu Cheryl Zondi, yeza phambili kwinkundla zamatyala imangalela owayesakuba nguMfundisi wakhe, uTimoty Omotoso weCawe iJesus Dominion International, nezinze eDurban.

U-Zondi wazenzela indumasi xeshikweni exelela ilizwe lonke ngokuxhatshazwa yile ndedeba sukela oko wayene 14 leminyaka.

U-Makwela uthe ngoMgqibelo: “Baninzi abantwana abaze kum bexela indlela abaphathwa ngayo ngabefundisi babo ezicaweni, besithi babalala ngenkani. Abanye bamangala emapoliseni kodwa amatyala zange ahambele ndawo.”

Wongeze ngelithi oku kubangelwa kukuba uninzi lwamaxhoba aluniki bungqina bubambekayo.

U-Colonel Ntombozodwa Cupido wama polisa ase Gugulethu ugxeke abaProfeti abasebenzisa icawe ukwenza izinto ezimbi; watsho ekhuthaza uluntu ukuba luxelele amapolisa nganto yonke abangayiqondiyo eyenzekayo ekuhlaleni.

“Nawe ungummelwane unelungelo lokuya emapoliseni uyomangala xangaba ubona umelwane wakho exhatshazwa. Amaxesha amaninzi abenzi bobubi iba ngabantu esibaziyo nabakwazizo nezihlobo zethu.

Sukuvumela omnye umntu akuxhaphaze, phakama ngoko nangoko uyomangalela,” uthethe watsho uCupido.

Uthe akukho namnye umntu ekufanele alawule impilo yomnye umntu.

U-Nondumiso Mzukwa, nobe mele umbutho Ilitha Labantu, uchaze lo mba wohlukumezeko loo mama namantombazanyana njengowothusayo, nokhathazayo emphefumlweni.

Ukwaxelele le ndibano ngezinto abazenzayo bengumbutho ukunceda abantu abaxhatshazwayo.

“Thina singumbutho Ilitha Labantu sisebenza ngamandla ngabantu abaxhatshazwe ngokwesondo nangokubethwa, sibanike inkxaso. Ukanti sikwanabo nonontlalontle abathi babancede ngokubacebisa kwingxaki zabo,” utshilo uMzukwa.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.