Intswela-ngqesho idodobalisa impilo

2018-10-11 06:03

Kulindeleke ukuba kuthi xha ukudendwa kwabasebenzi logama kukhangelwa iindlela ezingcono zokukhawulelana nentsindabadala yokunqongophala kwemisebenzi.

Ethetha kwingqungquthela yemisebenzi eGoli kwiveki ephelileyo uMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba urhulumente, imibutho yabasebenzi kunye nabezoshishino bavumelene ngamxhelo mnye ukuba kukhe kunqunyanyiswe ukudendwa kwabasebenzi.

Umemelele ukuba kujongwe zonke iindlela ezingcono phambi kokuba kudendwe.

Ezi ndlela uthe ziquka ukuhlolwa kwemivuzo yabaphathi. U-Ramaphosa ukuchaze ukunqongophala kwemisebenzi njengowona mceli-mngeni mkhulu ujongene nelizwe loMzantsi Afrika. Oku, uthe kuchaphazela isidima soluntu kwaye kunegalelo kwezempilo, usetyenziso lweziyobisi kunye no lwaphulomthetho.

Uthe ukudodobala kwecandelo lezimbiwa kukhokelele ekulahlekeni kwezigidi zemisebenzi.

Ukwadize ukuba urhulumente ebambisene namahlakani bavumelene ngamxhelomnye ukuba bangene kwiphulo lokukhuthaza uluntu luthenge iimveliso zeli. Oku uthe kuya kuza nemisebenzi kuzinzise no qoqosho.

U-Ramaphosa unyembe ukubanjwa kombuso ngobhongwana, wathi oko kukhokhelele kudodobalo lo qoqosho.

“Amaxabiso e oli enza impilo ibenzima kubemi.”

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.