Isimo esimandundu

2019-03-21 06:00
Indawo yoduma eyaziwayo ethengisa inyama yegusha eNyanga.PHOTO: UNATHI OBOSE

Indawo yoduma eyaziwayo ethengisa inyama yegusha eNyanga.PHOTO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Bakhalazela uncedo abathengisa inyama kwindawo yoduma yaseNyanga, nebizwa ngokuba kuse zigusheni, ngelithi iimeko abasebenzela phantsi kwazo aziginyisi mathe kwaye abathengi bayaginya nokuba kuyakrakra.

Le ndawo, nedume kakhulu ngenyama enenyongo nechazwa luninzi njengevuzisa izinkcwe, ithe tshitshilili ngakwikona yendlela iSithandathu Ave kunye neZwelitsha Dr ngakwisikhululo sezithuthi zikawonke wonke eNyanga, kwaye itsala umdla wamakhulu-khulu abathengi umhla nezolo.

Bangaphezulu kwamashumi amabini oosomashishini abathengisa kule ndawo.

Noxa kunjalo abathengisi bathi iimeko abasebenzela phantsi kwazo zimaxongo, kunjalonje zinobungozi.

Bathi kuyiminyaka besebenzela kule ndawo, kodwa akukho lutshintsho.

Omnye woosomashishini nozibize njengo MaRhadebe uthe uneminyaka engaphezulu kweshumi elinesihlanu ethengisa kule ndawo. “Oko sathengisa apha zange kubekho nguqu,” utshilo. “Kwakhe kwafika abantu ababesuka kwi-ofisi zikamasipala kwiSixeko saseKapa kwiminyaka emihlanu edlulileyo bathatha amagama ethu basithembisa ngokungathi bazakusilungiselela zange baphinde babuye. Minyaka le thina sisebenza nzima ebugxayibeni asihoywanga.”

Uthe abakwazi ukuhamba kule ndawo bayosebenza kwenye ngoba sele besaziwa luninzi. “Abantu basuka eKhayelitsha, Philippi, Goodwood, Kuils River bazothenga inyama apha kuthi. Ukuba singahamba apha singaphulukana nabathengi abaninzi,” ucacise watsho.

Ulebele ngelithi abanye babathengi babo bade babatsalele umxeba ukufaka izicelo zothenga inyama.

Uthe ezona zinto zingamandla abazidingayo zizindlu zangasese nolwakhiwo lweendawo zokuthengisa ezisemgangathweni, kuquka iindawo zobeka inyama.

U-MaRhadebe ucacise wathi uninzi lwabantu abaqala ukuthengisela kule ndawo abasekho sele kwathatha abantwana babo.

“Besinqwenela ukuba songezelwe neempompo zamanzi ngoba inye esinayo,” ubongoze ngelitshoyo.

Lo mama wabantwana abane uthe bonke abantwana bakhe ubafundise ngemali yenyama yezigusha.

“Nomzi wam ndiwakha ngale mali ndiyenza apha. Sinemigalelo esiyenzayo esithi siyibhatale ngale mali,” uchaze watsho.

Wongeza ngelithi xa izinto zimhambela kakuhle uyazixhela negusha ezintathu ngemini.

Uceba wakwa wadi 37, noquka le ndawo, uLuyanda Nyingwa uyichaze indawo esebenza abamama njenge ndawo engafanelanga kuthengisa into esiwa phantsi kwempumlo.

Utyhole iSixeko saseKapa njengesibafulatheleyo oosomashishini abakhasayo kwiindawo zabantu zabantsundu.

“Kudala aba bantu bathengisa phaya, kwaye baneminyaka eliqela kodwa kusenzima ngakubo. Ndazama ukuba mabafakelwe impompo yamanzi, kodwa nazo zifuna ukongezwa.

Ngoku ndisazama ukuba bafumane izindlu zangasese zethutyana ukuba bakwazi ukuzinceda,” utshilo uNyingwa.

Ulibeke latsola ukuba akaqinisekanga ukuba xa bebonke osomashishini abasakhasayo baseNyanga bangaze baphuhliswe nini.

IsiXeko besingekaphenduli ngethuba loshicilelo lweli nqaku.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.