Itshintsha ubomi iprojekthi

2019-07-25 06:01
Ongumphathi URDCBP Nompumelelo Ngoqo (onxibe ibhatyi ebomvu) uthetha nabahlali ngexesha bebebhiyozela usuku lokuzalwa kuka Nelson Mandela kwi ofisi ka masipala kwaLanga. Ome ngasekhohlo Nomboniso Mbewu ukanti ngasekunene ngu Nomvuyo Baba. umfanekiso: UNATHI OBOSE

Ongumphathi URDCBP Nompumelelo Ngoqo (onxibe ibhatyi ebomvu) uthetha nabahlali ngexesha bebebhiyozela usuku lokuzalwa kuka Nelson Mandela kwi ofisi ka masipala kwaLanga. Ome ngasekhohlo Nomboniso Mbewu ukanti ngasekunene ngu Nomvuyo Baba. umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Amalungu ombutho ozimeleyo nojongene nokulwa indlala kunye nokuqinisekisa uphuhliso loluntu, i-Urban Rural Development and Capacity Building Project (URDCBP) kwa Langa, adibene kwii-ofisi zika masipala ngoLwesine weveki edlulileyo ukuqaphela usuku olwaziwa njenge Mandela Day.

Lo mhla uthi uqatshelwe lilizwe jikelele ngomhla we 18 kweyeKhala, ngenjongo yokunika intlonipho kwisiswenye somzabalazo utata uNelson Mandela. Amawaka-waka abantu kwilizwe jikelele bathi babekele bucala imizuzu engama 67 ukwenza okuhle ekuhlaleni.

Ukanti lo mhla akhange ube nomahluko kulo nyaka xeshikweni imibutho eyahlukeneyo, amasebe ka rhulumente, oosomashishini kunye nemibutho ezimeleyo isenza izinto ekuhlaleni.

U-Nompumelelo Ngoqo, ongumphathi we URDCBP, uwuchaze lo mhla njengosuku olubaluleke kakhulu kwihlabathini jikelele. Uqhwabele oonontlalontle bakwaLanga izandla ngokuthi baphume iphulo baphekele abantu abangathathintweni. Uthe oku kubonisa uthando nentlonipho.

“Utata wayesaziwa kakhulu ngokulwela amalungelo abantu, ingakumbi abantsundu. Kwaye wayebathanda abantu, ingakumbi abantwana ngentliziyo yakhe yonke,” uthethe watsho umama uNgoqo.

Uthe rhoqo ukusukela ngoMvulo ukuya kuma ngoLwesihlanu baphekela abantu abangaphaya kwama 80.

“Yonke imihla siphekela abantu abadala kuquka ulutsha, ingakumbi abo bangaphangeliyo nabagula zizifo ezinganyangekiyo,” ucacise watsho.

U-Ngoqo uchaze lo mbutho njengoncedisana norhulumente ukuzama ukulwa indlala ekuhlaleni

Othethela oonontlalontle bakwaLanga uBabalwa Mapena uthe basebenzisana nabantu abagula zizifo ezahlukeneyo.

Uthe baye bakhuphe iileta kubantu abafuna uncedo ukuze bazigqithise kulo mbutho. Wongeze ngelithi abantu abadala babasikela unyaka logama ulutsha belunika iinyanga ezintandathu ukuya kunyaka ukuba lufumane inkxaso.

“Ingxaki asifuni mntu ozokuxhomekeka apha. Sifuna wonke umntu afunde ukuzimela ingakumbi abantu abatsha,” utshilo Mapena.

Wongeze ngelithi baye baxhobise abantu abatsha nangezakhono zokufuna umsebenzi, logama baye bahambele abantu abadala ukuzama ukujonga imeko abaphila phantsi kwazo.

“Ukuba sifike lomntu mdala ehlala yedwa okanye imeko yakhe ingentlanga siye simgqithisele kumakhaya abantu abadala. Ukanti xa sifike ingabantwana abahlala bodwa siye sibase kumakhaya eenkedama bayogcinwa khona,” uthethe watsho uMapena.

Omnye wabantu abahamba kwelikhaya uNomboniso Mbewu umchaze uNgoqo njengomama wabo.

“Sitya apha yonke imihla. Ngoku ndiyakwazi ukutya amayeza wam kakuhle akukho sizathu sokuba ndingawatyi kuba ndisithi andinakutya. Siphila apha nje ngosapho olunye,”utshilo uMbewu.

Emva kokutya baye banikwa iziqhuma zemifuno kunye neziqhamo ukuze bayotya ezindlini zabo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.