Ivule ebunzimeni iJunxion Mall ePhilippi

2019-04-18 06:01
Abahlali basePhilippi abebelugcwabevu ngumsindo bebefuna ungena ngenkani phakathi ezivenkileni.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Abahlali basePhilippi abebelugcwabevu ngumsindo bebefuna ungena ngenkani phakathi ezivenkileni.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Kulibaziseke ngosuku ukuvulwa kobhazabhaza wozoshishino omtsha wase Philippi, iJunxion Mall, emva kwengxubakaxaka yemisebenzi.

Lo bhazabhaza bekulindeleke ukuba uvule ngoLwesine weveki ephelileyo, kanti kunyanzeleke ukuba zinqunyanyiswe iinzame zokuvula emva kokuba iqela labahlali lityhole ngokubakho konyawo lwemfene kwindlela ekuqeshwe ngayo abasebenzi. Emva kothotho lweengxoxo phakathi kwabaphathi balo bhazabhaza kunye nabahlali uye wavula lo bhazabhaza ngoLwesihlanu.

Kutyholwa ngelithi amalungu ekomiti ebichophele ukuqeshwa kwabasebenzi ithe yanedolo kwindlela yayo yokuqesha, nto leyo ibangele isankxwe ekuhlaleni.

Usihlalo wombutho wezophuhliso ePhilippi uMonwabisi Mbaliswana uthe yonke into ibuyele esiqhelweni emva kokuba zibanjwe ngempumelelo iingxoxo.

Uthe oyena nobangela walo mbhodamo zizityholo ebezijoliswe kwikomiti ebithwaliswe uxanduva lokuqesha abasebenzi. Uthe ngokwengxelo yabahlali amalungu ale komiti athe aqesha abantu abahlobene nawo.

Umbaliswana wongeze ngelithi kuye kwavunyelwana ukuba ichithwe le komiti ukuze konyulwe entsha. “Siye safumanisa ukuba amanye amalungu alakomiti ebeqesha izihlobo zawo. Umzekelo, kwingingqi i-Section 1 kwa phaya ePhilippi, sifumanise ukuba le komiti ayivani nabanye babahlali baphaya kuba bekumbutho wezopolitiko othile baze ababandakanywa kwingqesho,” ucacise watsho.

U-Mbaliswana uthe zonke izicelo zomsebenzi zikumphathi weevekile nguye ozothi akhethe abantu abamaqeshwe encediswa ngalamalungu matsha ekomiti ukongeza kwabo sele beqeshiwe.

Uthe baye bathatha isigqibo sokuba babonelele nabanye abahlali abasuka kwingingqi ezimelene ne Philippi ngengqesho.

“Siye sagqiba ukubeni sivumele nabanye abantu abasuka kwiindawo ezinje ngeCrossroads kunye ne Nyanga East ukuba babenokusebenza nabo apha ngaphakathi,” wongeze ngelitshoyo uMbaliswana.

Omnye wamalungu ekomiti entsha omele wadi 34 uNosiphiwo Mdudu ungqinile ukuba zonke iivekile zivulile kwaye ziyasebenza kodwa wayibethelela into yokuba akukabikho nto icacayo malunga nokuqeshwa kwabanye abantu.

“Bonke abantu babiziwe ukuba bafake izicelo zabo zokusebenza kodwa akukabikho bantu batsha sele beqeshiwe,”ucacise watsho.

Woleke ngelithi urhanela ukuba babethwe ngemf’ iphindiwe kuba abaphathi beevenkile befuna zivule. “Qho sibizelwa entlanganisweni umphathi zivenkile kanye lo unezicelo zabantu zomsebenzi usoloko engekho. Nangoku ndithetha nawe nje ndilungiselela ukuya entlanganisweni ukuyomamela ukuba kuzoqhubeka ntoni na,” ugqibezele ngelitshoyo wongeza ngelithi uloyiko lwakhe kukuba abahlali basuke badikwe baye ngokwabo.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.