Iyalwisa imini yokubhiyozela inkcubeko

2019-10-17 06:01

Awuxolanga umbutho wezenkcubeko eNyanga, iNyanga Arts Forum, yindlela athe wawuchophela ngayo uceba wendawo, uLuyanda Nyingwa, umbhiyozo wosuku lwezenkcubeko kula mmandla.

Usihlalo wombutho uMichael Mayeki ugxibhe waxabela uNyingwa emtyhola ngokubekela lo mbutho bucala. Ukhale ngelithi uququzelele umbhiyozo wosuku lwezenkcubeko ngaphandle kokubandakanya lo mbutho.

“Ngaphambili besibandakanyeka ekuququzeleni le mibhiyozo, kodwa kulo nyaka sothukile into yokuba uceba wethu angasibandakanyi,” utshilo.

U-Mayeki ukwatyhole uNyingwa ngokusilela ekubandakanyeni abahlali xa esenza amalungiselelo emibhiyozo ekumila kunje. Wongeze ngelithi bambona uceba njengomntu ongasithembiyo isakhono sabo ekuququzeleni umnyhadala ololuhlobo.

“Uceba akasiboni sibalulekile xa kuqulunqwa inkqubo ezenzelwe ukuphuhlisa thina singabahlali,” utyhole ngelitshoyo uMayeki.

Uthe izenzo zika ceba ziyakhabana nemithetho karhulumente yokuphuhlisa abahlali.

U-Mayeki uthe baye bothuka ngethuba befumana imbalelwano esuka kwi-ofisi kaceba ibamema ukuba baze kuzimasa lo mbhiyozo nangona bebengekho kubaququzeli wawo.

Uthe baye basamkela eso simemo kuba bebona kubalulekile ukubonisa ukuba ukubandakanyeka kwabahlali nako kufanele kube phambili.

Ephawula ngezityholo azityatyekwayo, uNyingwa uthe bezinkokheli zokuhlala basoloko benengxaki abazifumanayo ebantwini ababakhokhelayo.

Uthe lo mbhiyozo bawenza minyaka le kwaye imali yokuwuququzela isuka kwingxowa yengingqi abayifumene kwiSixeko saseKapa. “Ndiye ndabekela bucala imali engama R50 000 ukuze kuququzelelwe lo mbhiyozo kulo nyaka,” utshilo.

U-Nyingwa uthe lo mbhiyozo ngowenkcubeko lonto ithetha ukuthi wonke umntu walapha eMzantsi Afrika ubayinxalenye kwaye akukhethwa bani.

Uthe iyamothusa into yokuba lo mbutho uthi khange ubandakanywe emalungiselweni kuba bane lungu elikwisigqeba sengingqi nethe yayiyo eququzelayo.

“Ilungu labo eli likwisigqeba emva kwentlanganiso zethu zamalungiselelo bekufanele ukuba liyabachazela ukuba kumaxa siphi,” utshilo.

Uthe enye into imvumi nabadanisi baye bafune ukubhatalwa ntoleyo i-ofisi yakhe ingakwazi ukuyenza kuba lemali yeyokuxhamla bonke abahlali.

Uthe ngemali esuka esixekweni akakwazi kubhatala bantu kuba ayifiki izinkozo kwakuye ntonje uye atsho ukuba ufuna ukuncedwa ngantoni. “Ndiyaba khuthaza ukuba baziququzelele eyabo iminyhadala ukuba bafuna imbuyekezo,” utshilo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.