Iyaqhuba ngomsebenzi wayo iBlaahs

2019-04-04 06:01
Umbutho iBlaahs Society ibindwendwele inkonzo iSt Raphael Catholic eKhayelitsha.

Umbutho iBlaahs Society ibindwendwele inkonzo iSt Raphael Catholic eKhayelitsha.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Omnye weyona mibutho midala yokuhlala iBlaahs Society utyelele ibandla lamaKatolika, iSt Raphael Catholic eKhayelitsha, ngeCawa edlulileyo njengephulo lawo lonyaka lokwenza utshintsho ekuhlaleni.

Lo mbutho, nothe kunyaka ophelileyo wabhiyozela ukufinca ama 40 eminyaka wasekwayo, uzingomba isifuba ngokwenza utshintsho kwiindawo ezininzi kwiilokishi zabantsundu kwiphondo iNtshona Koloni nangaphandle kwemida yayo.

Nangona wamiselwa njengo mbutho ka masingcwabane ngomnyaka ka 1978, lo mbutho ubonakalise uhlumo kwiminyaka edlulileyo ngokuthi ungenelele kwiingxaki ezijongene nokuhlala, nalapho kukho khona ukuswela.

Ephawula ngenjongo zalo mbutho uMbulelo Mpofu, nongusomlomo, uthe iBlaahs ijongene nokuphuhlisa impilo yoluntu ngokwe zezimali nangokunika isidima kwimpilo zabantu.

Wongeze ngelithi iBlaahs ikhule ngendlela esi simanga kule minyaka idlulileyo, kwaye bakwazile nokumisela amasebe ombutho nakwamanye amaphondo.

Ngelokuzama ukuba bahlale bekufuphi noluntu kwaye bezazi neemfuno zalo uthe rhoqo ngonyaka baye batyumbe iinkonzo ezimbini abazakuzindwendwela.

“Siye sindwendwele iinkonzo ezimbini esizityumbileyo sisenzela ukukhuthaza amalungu ethu ukuba ahlale ekhonza angahlukani noThixo,” utshilo uMpofu.

U-Mpofu uthe amalungu alo mbutho akholose ngo Yehova kwaye akholelwa kakhulu emthandazweni, ntoleyo yenza bacele iinkonzo ukuba zibathandazele ngamaxesha onke.

Uthe le nkonzo bebeye kuyo iye yabamnkela ngezandla ezinobubele ukusukela kumfundisi, usihlalo wayo kwakunye namalungu.

Woleke ngelithi ixesha le Lente balithatha njengelibaluleke kakhulu kwikhalenda yabo, kungoko baye baqinisekise ukuba bandwendwela amabandla.

Ubambe ngazo zozibini kweli bandla nakuwo onke amabandla athe abanika inkxaso, watsho ehlomla kwiNdumiso zika Davide: “Musa ukundilahla ebusweni bakho, umoya wakho oyingcwele ungamsusi kum”.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.