Izihlobo zide zatyelela esqithini

2018-11-01 06:01
Utitshala odla umhlala phantsi uSylvia Ndandani ufumene ithuba lokutyelela isiqithi sodumo iRobben Island.

Utitshala odla umhlala phantsi uSylvia Ndandani ufumene ithuba lokutyelela isiqithi sodumo iRobben Island.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Isithathu sabafundi be City Vision-kunye namaqabane aso- esathi saphoxeka ekuyeni esiqithini, nakubeni safumana amatikiti okuya khona, ekugqibeleni side sawela ulwandle lusiya apho.

OoNompilo Gcwabe, Sibongile Mphalo kunye no Mama Sylvia Ndandani, babonise imincili nombulelo kweli phepha- ndaba emva kolu hambo.

Azange bakwazi ukuya ngosuku olwalubekelwe oko- umhla wama 24 kwinyanga yoMsintsi- ngenxa yamagingxi-gingxi athile.

Ukanti baphinde baphoxeka ngoMgqibelo kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, ngenxa yesivuthevuthe somoya esenze kwanzima ukuba zihambe izikhitshane eziya esiqithini.

Libe yinene elokuba umzingisi akanalishwa, ngethuba besithi cakatha imicondo yabo kwisikhitshane ngeCawa edlulileyo, bejongisa imibombo esiqithini.

Nangona uninzi lwabo belungaqali ukuya esisiqithini, esi sithandathu sivakalise uchulumanco kukuba side salifumana ithuba lokundwendwela le ndawo yembali namagugu.

Esi siqithi siqulathe imbali ebuhlungu, edibanisa Iinkosi, ookumkani, nabezo politiko bezo mthonyama, ezathi zagityiselwa khona, zisilwela inkulu leko yeli lizwe.

Omnye wabo bebewelwe ngumqa esandleni, uSibongile Mphalo, uthe okusemandleni kuye kukuba ukwazile ukuhamba nomntwana wakhe ukuya kumfundisa ambonise imbali etyebileyo yoMzantsi Afrika.

“Ukubuya kwethu endlini undibuze imibuzo emininzi enomtsalane ngathe wakufunda esiqithini,” utshilo. “Ndivuya kakhulu sifumene elithuba.” Inkondekazi uSylvia Ndandani, oyititshala edla umhlala phantsi, uluchaze olutyelelo njengembali.

“Bendilonwabele kakhulu uhambo, ndabona into eninzi, engaske ndibe ndiyibone ngokuya bendiseyititshala, ndingathethi ngokufunda ezincwadini,” utshilo

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts

Jobs in Cape Town [change area]

Jobs in Western Cape region

IT Manager (contract)

Cape Town CBD
Communicate Cape Town IT
R330 000.00 - R458 000.00 Per Year

Reporting Accountant

Cape Town
Network Finance Professional / Prudential
R310 000.00 - R360 000.00 Per Year

Cluster Financial Manager

Cape Town
Network Finance
R950 000.00 - R1 000 000.00 Per Year

Property [change area]

There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.