Izikoli zingene inkani kwa Mzoli

2019-04-11 06:00

Zibuyele esiqhelweni izinto kwindawo yendumasi, iMzoli’s Place eGugulethu, emva kokuba imigewu ithe yaqhekeza kwisakhiwo kubusuku bangoLwesine weveki edlulileyo.

Nangona le ndawo isaziwa ngenyama yayo evuzisa izinkcwe, kubikwa ukuba ezi zaphuselane azikhange zifumane neqatha.

Endaweni yoko zithathe ingqokelela yecuba elixabisa ama R19 200, ama R2 500 kunye no mabonakude.

Umphathi weshishini uSipho Citabantwa uthe umonakalo owenziwe kwesi sakhiwo ukumyinge wama R75 000.

Kukholeleka ukuba ezi zikrelemnqa zingene kwesi sakhiwo ngokususa inxalenye yophahla.

U-Citabantwa uchaze esi sehlo njengesothusayo nesibashiye bebambe ongezantsi. Uthe ayikokokuqala isehlo esikumila kunje sisenzeka. “Silusapho, kuquka nabathengi, sishiyeke sothukile ngoba yinto engakhange siyilindele le yenzekileyo,” utshilo. Wongeze ngelithi iyaqala ukuba ide ingene ngaphakathi imigewu. “Amaxeshe amaninzi beziquqa zibuyelela zisiba iiseyile ezi zikhusileyo kwelicala lihlala abathengi.”

U-Citabantwa uthe uyarhana ukuba aba bantu benze obu bubi ngabantu abaqhele ukuza kuthenga nabasaziyo isimo kule ndawo.

U-Citabantwa ugxeke amapolisa ngendlela aye aphatha ngayo abasebenzi babo ngexesha beye kufaka isimangalo.

“Abantu abayibone kuqala lento ibingabasebenzi. Baye batsalela umnxeba uMzoli bemazisa ngesi sehlo waze wabayalela ukuba bayoxelela amapolisa. Ekufikeni kwabo esitishini samapolisa baye bawaxelela aze athi amapolisa mabahambe bayobala umonakalo owenzekileyo baphinde babuye,” ucacise watsho wongeza ngelithi athe amapolisa ukuze ashukume kwaya uMzoli ubuqu.

Uthe akasazi isizathu ukuba amapolisa arhuqe inyawo xa exelelwa okwenzekileyo kwaMzoli kodwa xa bezokuthenga babahoya kuqala kuba bebonisa intlonipho kubo.

Umnini wale ndawo uMzoli Ngcawuzele ebexheleke kakhulu akakhange akwazi ukuthetha nonondaba ngexesha betyelele ukuza kuhlola umonakalo.

Noxa kunjalo izinto besele zibuyele ezigqelweni ngethuba iCity Vision ityelele le ndawo ngempelaveki.

Othethela isikhululo samapolisa eGugulethu Constable Sindisiwe Ngqele ukungqinile okwenzeke kwaMzoli, watsho esithi akukabikho mntu ubanjiweyo. “Kuqhekezwe ngobusuku ngoba umonakalo ubonwe ngabasebenzi kusasa ufika kwabo,” ucacise watsho.

Ukanti uzikhabile izityholo zokuba bengamapolisa ababonakali ekuhlaleni watsho esithi akukho ndawo bangahambiyo kuyo eGugulethu.

U-Ngqele walile ukuphefumla malunga nezityholo ezibekwe Citabantwa zokuba amapolisa aye ajika abasebenzi xa bebeyokumangala ngesehlo esenzeke kwaMzoli.

“Ukuba yinto eyenzekileyo ngebeyigqithisele kumphathi sitishi uLuyanda Damoyi ukuze sizokwazi ukuyiphanda. Okwangoku akukho nto siyaziyo ngalonto,” utshilo uNgqele.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.