Izinto ezincinci zenza umhluko

2019-03-14 06:01
Abazali kunye nabafundi besikolo samabanga aphantsi iVuyani bavuyela iimpahla zesikolo ezintsha.UMFANEKISO: unathi obose

Abazali kunye nabafundi besikolo samabanga aphantsi iVuyani bavuyela iimpahla zesikolo ezintsha.UMFANEKISO: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Bebengayivali imilomo abazali babafundi besikolo samabanga aphantsi iVuyani eGugulethu ngexesha abantwana babo bephiwa iimpahla zesikolo ezintsha ngu Sinethemba Betela owayesakuba ngumsebenzi wethutyana kwesi sikolo.

Lishumi elinesibini labafundi abathe baxhamla kweli phulo.

Phakathi kwezinto abathe bazifumana kuquka iibhulukhwe zesikolo, impahla yangaphantsi, izihlangu zesikolo, iikawusi kunye neejezi ezimbini.

Omnye wabazali uNosiphathise Sajini ulincome ngokungazenzisiyo eli phulo. Ukwa lichaze nje ngoncedo ebantwaneni nakubazali. “Ndonwabe kakhulu emphefumlweni bendingalindelanga ukuba umntwana wam angafumana ibhulukhwe yesikolo entsha mahala. Bendingakwazi ukumthengela kuba nditsala nzima,” utshilo uSajini. Uthembisile ukuba uzakumjonga unyana wakhe ukuba ayiphathe kakuhle.

U-Betela, onama 22, uthe wachukunyiswa ziimeko abanye babafundi ababekuzo ngethuba esenza uqeqesho kwesi sikolo kunyaka ophelileyo.

“Ngexesha ndandisenza uqeqesho ndaqaphela ukuba abafundi abaninzi banxiba impahla ezigugileyo,” utshilo Betela.

Uthe wahamba ecela amalizo kumalungu ecawe yakhe nakubahlobo ukuba bamncedise. Ubongoze nabanye abantu, kuquka oosomashishini, ukuba bancede apho bakwazi khona. “Akunyanzelekanga ukuba ubesisigwili ukuze unikele emntwini ohluphekileyo. Lonto incinci unayo iyawenza umahluko komnye umntu. Aba bantwana bazinkokheli zangomso. Kufuneka ukuba sibakhuthaze banyamezele esikolweni ukuze babenekamva eliqaqambileyo,” ucacise watsho.

Inqununu yesikolo uMahlubi Ngqukuvana ubambe ngazo zozibini ngendima edlalwe nguBetela. Ulichaze inyathelo lakhe njengento ekhuthazayo ebantwaneni kunye nasezifundweni zabo.

“Xa umntana wesikolo enxibe impahla yesikolo epheleleyo imenza naye azithembe. Iyamkhuthaza nokuba ahambe isikolo rhoqo,” utshilo uNgqukuvana. Wongeza ngelithi inkoliso yabafundi kwisikolo sakhe baphuma kumakhaya ahlelelekileyo nangathathintweni.

Omnye wabafundi ofumene izihlangu kunye nelokhwe yesikolo uAyola Bangiso,12, nofunda kwibakala lesithandathu (Grade 6) uthe uvuya kakhulu, watsho ethembisa ngokuqinisekisa ukuba impahla yakhe yesikolo ihlala icocekile.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.