Kubangela impixwano ukutya

2020-05-07 06:00
 Iqela elithethela abahlali ngethuba bekhalazela indlela iinkokheli zabo zokuhlala ezikhupha ngayo ukutya, ukusuka ekhohlo ngu Lindiwe Mayekiso, Elizabeth Sekhuphela, Ntumelang Ntlomelo kunye no Phakamile Tshikila.umfanekiso: unathi obose

Iqela elithethela abahlali ngethuba bekhalazela indlela iinkokheli zabo zokuhlala ezikhupha ngayo ukutya, ukusuka ekhohlo ngu Lindiwe Mayekiso, Elizabeth Sekhuphela, Ntumelang Ntlomelo kunye no Phakamile Tshikila.umfanekiso: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abahlali bamatyotyombe aseKanana, eGugulethu, bafunge bamunc’ iintupha ngelithi akusayi kuphinda kusiwe sibonelelo sakutya kula ngingqi.

Bakhala ngelithi kwezi zibonelelo kuphela kuxhamla iinkokheli zabo kuphela. Oku kuza emva kwengxwaba-ngxwaba phakathi kwabahlali kunye neenkokheli zabo.

Abahlali batyhola ngelithi rhoqo kufika iziqhuma zokutya zinikwa abantu abatshomene neenkokheli, logama uninzi lwabo bafanele ukuxhamla bezitya ngamehlo.

Othethela abahlali uNtumeleng Ntlomelo uthe kulo nyaka kuphela kufike iziqhuma zokutya amatyeli amane, kodwa azange bakhothe naphantsi. “Qho kufika ukutya kunikwa abantu abanye. Xa sibuza kwiinkokheli zethu ukuba ukutya kunikwa abantu abatheni azisiniki mkhondo. Xa ubuza enye inkokheli ikuthumela kwenye abasiniki zimpendulo zicacileyo,” utshilo uNtlomelo.

Waleke ngelithi aba banikezela ngokutya ngabantu abanyeke ukuvotelwa xana kufika ulonyulo loomasipala kunyaka ozayo.

“Ngelaxesha bekubhaliswa bekusithiwa kubhaliswa abantu abadala kunye nabangaphangeliyo. Kodwa xa kunikiswa ngokutya kunikwa abantu esingabaziyo, abafumani naba bantu badala bebesithi benzela bona. Naxa benikisa ngokutya bathi bangabalibali xa kuvotwa,” ucacise watsho uNtlomelo.

Ukwatyhole ezi nkokheli ngokuba ngohlohla ezabo, watsho esithi ngethuba kufika amachiza okuhlamba izandla abulala iintsholongwane, iihand sanitizers ngolwasemzini, athathwa ziinkokheli baze abahlali banikwa iibhotile ezinamanzi anesepha.

Omnye weenkokheli zokuhlala uLukhanyo Dayimane uzikhanyele ingxelo zokuba sele kunikezwe ngeziqhunyana zokutya amatyeli amane. Ukwathe akukho ndlela yokuba uluntu lwaseKanana lungaze luxhamle lonke xana kukho izibonelelo eziloluhlobo.

Uthe iziqhunyana zokutya zokuqala zanikezwa lisebe lophuhliso lwamaphandle ekuqaleni kwenyanga ephelileyo. Uthe bafumana iziqhuma ezilikhulu, baze banika abantu abahlelelekileyo nabadala. “Oku kwesibini nokwesithathu bekuziswe ngabantu njeee ababenesisa ababecele ukuba sikhethe abona bantu bangathathintweni,” ucacise watsho uDayimani. Waleke ngelithi kwityeli lesibini bachonga iintsapho ezili 16 baze kwityeli lesithathu bachonga iintsapho ezingama 30. “Omabini la matyeli uceba akazange abandakanyeke kuwo ngoba yayiliqela nje labantu elalisithi linceda uluntu babengengombutho,” utshilo uDayimane, watsho ezigxeka ingxelo ezithi banika abantu abangaziwayo ukutya.

“Wonke umntu esasimbhalisile wayesthi xa eyokuthatha ukutya eholweni aveze isazisi sakhe. Sasinganiki nje nabani na,” uvale ngelitshoyo uDayimane.

Uceba ka wadi 40, noquka iKanana, uBongani Ngcombolo uchaze abantu ababephisa ngokutya nanje ngabantu ababelungiselela uvoto. “Lanto yokuphisa ngokutya eKanana ayinanto yokwenza nam. Ngabantu nje abaya abazama ukuzibonakalisa ebantwini kuba befuna ukuba ngooceba kulonyulo lonyaka ozayo. Ngoba kuyavakala ukuba bebesithi xa benika abantu ukutya bathi bangabalibali xa kuvotwa. Mna nje ngoceba andinato endiyaziyo nokuphisa ngokutya kula ngingqi. Konke nje okukutya bekukhutsha phaya andizange ndibeyinxaleneye yawo,” uthetha watsho uNgcombolo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.