Kubophile eSiyanyanzela

2020-01-16 06:00
Abahlali baseSiyanyanzela babongoza iSixeko saseKapa ukuba sivale isigingqi esigcina amanzi kufuphi nezindlu zabo. Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Abahlali baseSiyanyanzela babongoza iSixeko saseKapa ukuba sivale isigingqi esigcina amanzi kufuphi nezindlu zabo. Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Libangela isankxwe kubahlali bendawo iSiyanyanzela ichibi elikufuphi nezindlu zabo.

Bakhala ngelithi ziliqela iinyanga lingasacocwa, nto leyo ibangela isankqange sevumba njengoko namanzi sele ajika aluhlaza. Kungoku nje abahlali batyhola iSixeko saseKapa ngokungazinanzi iimfuno zabo.

Omnye wabahlali uNosabelo Bam uthe ubomi babo busemngcuphekisweni ngenxa yala manzi. “Andiyazi ukuba umasipala ucinga ntoni ngala manzi ngoba akajongeki tu kwaye anevumba elibi,” utshilo.

Waleke ngelithi ibangathi ayaqatsela ukunuka rhoqo ngentseni, kwaye abangela intlaninge yeempuku njengoko abanye abantu belahla izinto zabo ezimdaka kwalapha kuwo.

Uhambise wathi kudala bethetha noceba uNkululeko Mgolombane, ukuba enze icebo kuvalwe isigingqi esigcina la manzi, kodwa onke amalinge abo awa phantsi. Uthe uloyiko lwakhe ngabantwana abathanda ukudlala kula manzi.

“Sihleli nje kufuneka sigade abantwana bangasondeli kula manzi. Siyaboyikisela ngoba ingathi bangatshona,” uthethe watsho.

Wongeze ngelithi inkoliso yabantwana abancinci kula ngingqi banezitshanguba abanye zizigxala kukulunywa ziingcongconi eziphuma kula manzi.

“Ngekungcono ukuba umasipala ebesibiyele esi sigingqi nokuba kungocingo ukwenzela abantwana bangasondeli emanzini,” utshilo uBam.

Waleke ngelithi la manzi anenyanga ezingaphaya kwesihlanu emile.

Ephawula ngale nyewe uMgolombane uthe unolwazi ngala manzi. Uhambise wathi iSixeko simaxhaphetshu sizama indlela yokwenza la manzi ahambe.

“Ingxaki yimibhobho le ihambisa amanzi iwakhupha kwesa sigingqi yavaleka kudala. Ngoku sisaxakekile sizama ukutshintsha inxalenye yemibhobho kula ngingqi yonke sifake emitsha nengathi mikhulu,” utshilo uMgolombane.

Wongeze ngelithi onke amalungiselelo asahamba ngendlela inkampani ezakwenza lo msebenzi sele ichongiwe izakuqala kwinyanga yesiSilimela kulo nyaka sikuwo. Uthe la manzi anenyanga ezingaphaya kwesibhozo emile.

“I-Sixeko siyazama ngoba simane sisiza nezigadla ezenzelwe ukufunxa la manzi kodwa aye aphinde aphume ethubeni,” ucacise watsho Mgolombane.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.