Kujongenwe ngezikhondo zamehlo

2019-08-22 06:00
Iyaxoxisa indawo yokugcina abantwana eMfuleni phakathi kweSixeko saseKapa kwakunye nootitshala. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Iyaxoxisa indawo yokugcina abantwana eMfuleni phakathi kweSixeko saseKapa kwakunye nootitshala. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Kugquba iyantlukwano phakathi kweSixeko sase Kapa kunye neziko eligcina iintsana eMfuleni, Mfuleni Early Childhood Development Centre, emva kokuba umasipala ethe wadiza ukusebenza kweliziko ngomgunyathi.

Kwimbalelwano ekhutshwe siSixeko kwiveki ephelileyo, uZahid Badroodien, olilungu lekomiti yesigqeba sika sodolophu kwicandelo lezezindlu kunye nezempilo, udize ukuba eli ziko livaliwe emva kokuba lowo bebenesivumelwano naye ecele ukuba kuqhawulwe lo mtshato.

U-Badroodien wongeze ngelithi umlawuli weli ziko usifake esi sicelo emva kokuba etyityimbiselwe umnwe liqela labahlali ngelithi abavumelani nokuba aphinde atyikitye esinye isivumelwano neSixeko. Uhambise wathi kungoku nje kukho iqela labahlali elilawula eli ziko ngondlela-mnyama.

Ngokwembalelwano yeSixeko umtshato neli ziko uqhawulwe ekuqaleni kwale nyanga, kwaye omnye nomnye othi uyasebenza kule ndawo usebenza ngokungekho semthethweni kuba akabhaliswanga kwicandelo lophuhliso loluntu.

Omnye wootitshala uVirginia Maqokolo uthe ayizange yavalwa le ndawo. Utyhole iSixeko ngokuthetha amampunge etywaleni.

Uhambise wathi bengabasebenzi baye banengxaki nomphathi wabo wangaphambili kuba befuna ukonyuselwa imivuzo kunye nokuthengelwa izinto zokucoca, ntoleyo athe yakhokelela kwiyantlukwano.

“Incinci kakhulu imali ebesibhatala yona,” utshilo. “Sithe sakucela ukonyuselwa wama entla kwaye nemeko ebesiphangela phantsi kwazo bezingentlanga kwaphela.”


NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.