LETTER: Kukho indoda erhumsha imali

2016-02-04 06:00

Ndizama ukulumkisa iinkokheli zamabandla, kwakunye ne Early Childhood Centres (ECD) ngokubanzi, ukuba zilumke zingaphucwa mali yindoda okanye yi ofisi ethi mabeze kuyo bazakulwelwa bafumane imihlaba.

Akukho samfumfu onomhlaba apha, imihlaba yekaMasipala, kungenjalo uRhulumente Wephondo kunye nee Private Developers.

Ukuba uye wabizwa, kwathiwa kuwe rhuma imali yobulungu, ubuye urhume rhoqo ngenyanga i R200, yazi ukuba ubethiwe.

Ukuba(lomntu) unawo umhlaba makanibonise title deed yakhe kuqala, abuye anibonise le mihlaba athi uza kuninika yona.

Oko ukwenza ngokuninika amaphepha asemthethweni, ukuze niwathathe lawo maphepha niye etown kwaMasipala niyongqinisisa.

Lomfo ziyatshona iimali zabantu kuye kwaye akapheli mandla ekuhlabeni ikhwelo emema bonke abo acinga ukuba zizidenge zokutyelwa imali nguye.

Iinkokheli zeenkonzo ezithile zike zatsiba kwa Stock ‘n Stocks ngeliya kuqonda ukuba bade babe bawufumana nini umhlaba wabo kuba kudala berhuma kumbutho othi ufumanela iinkonzo nee ECD imihlaba.

Bemnke apho bezizishwayimbana kuba lo mbutho awaziwa kwincwadi zika Masipala. Abantu bethu mabayeke ukuzenza amaxhoba kuba befuna ukulungelwa ngondlela-mfutshane.

Ndike ndathana tsuphe noMpostile Maseko oyi President ye Western Cape African Minister’s Association/Forum ndimbuze ngalomkhwa wokutyelwa kwabantu bethu abakwimeko emaxongo imali. Uthe akawazi lo mbutho.

Madoda (oko kukuthi lomfo othi unguMfundisi or Bishop) iLizwi leNkosi lith indoda yokudla ukubila kwebunzi layo.

Alithi iZwi leNkosi indoda yophila ngamagazi abantu nangamaqhinga. Kwaye ndifuna ukulumkisa lomfo ndithi akazukujika emnyango wejele koko uzongena.

Ekupheleni konyaka osanda kudlula ndidibene nomfo ongu nehlakani lakhe kwaMasipala esiya kuzifunela yena nelihlakani umhlaba ngendlela eyiyo nesemthetthweni, okumangalisayo umfo weNkosi lo naye lidlela-ndaweni inye nalomfo otya iimali zabantu egameni lokubafunela umhlaba.

Lonto ke dinga ndithi nabani na angakwazi ukuya kwaMasipala ukuya kuzibuzela konke omele kukuwenza.

Ukuba ufuna ingcebiso nengcaciso zamahala ngalomba ungasithinta sikuncede ungadanga wabe urhunyiswa iR200 rhoqo ngenyanga.

Phofu iyimali leyo ezakuthi yondle indoda engazange yazimisela kuphangela kungenjalo ukuya esikolweni.

Ukuba uqhubeka nokukhupha or ukukhutshiswa imali kungenjalo uhlawuliswe imali yomhlaba ekonkeni kanye emva kwesi silumnkiso, yazi mhlophe ukuba nguwe ke ofelwe yingqondo.

Our core business (primary and secondary objectives) as NPO include but not limited to social justice, empowerment and capacity building of our people across the spectrum kwaye all persons attached to the organization abazizo imbhedlenge. Lonto ke ithi asiqwabi zandla xa amalungelo abantu esingelwa phantsi ngenxa yokungazi.

Melisizwe Sikweza Mandela Park

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.