Kukho umnyinyiva kwi nkxalabo yamanzi, emva kwe mvula

2018-09-27 06:01

Izakuthi iqale ngokusesikweni imigqaliselo emitsha elawula ukusetyenziswa kwamanzi kumasipala ombaxa wesiXeko saseKapa ngoMvulo weveki ezayo, ukusuka kwibakala lesithandathu ukuya kwibakala lesihlanu.

Oko kuza kuthi kunike uluntu umnyinyiva ekusebenziseni amanzi, emva kweenyanga eziliqela zoxinzelelo kwindlela yoku sebenzisa amanzi.

Ngokwe migqaliselo emitsha, uluntu luza kuvunyelwa lusebenzise iilitha ezingama 70 umntu ngamnye ngosuku, ukusuka kuma 50.

Oku kulandela iimvula ezithe gqolo ukunetha zikhokhelela ekwenyukeni kwezinga lamanzi kumadami ephondo.

Ngokwengxelo ekhutshwe sisiXeko saseKapa ebutsheni beveki, izinga lamanzi kuma dami ephondo lwenyuke ngomyinge wesine ekhulwini, kwisithuba seveki laya kutsho kuma 74 ekhulwini.

Nangona kunjalo, isiXeko sibongoza uluntu ukuba luthi gqolo ukusebenzisa amanzi ngobunono.

Sikwadize ukuba, logama kubekho ukwenyuka kwezinga kuma dami, kubekho nokonyuka kwindlela uluntu olusebenzise ngayo amanzi kwiveki ephelileyo, ukusuka kwizigidi ezingama 505 elitha ukuya kuthi ga kwizigidi ezingama 511.

“IsiXeko sibongoza uluntu ukuba luthi gqolo ukusebenzisa amanzi ngobulumko kwiinyanga ezizayo njengoko kusiza iinyanga zehlobo,” ihambise yatsho imbalelwano enikezwe amaziko endaba.

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.