Kumuncu eSweet Home

2019-04-04 06:01
Isiza senkampani iShar Civils eyakha iindlela kwindawo ya matyotyombe iSweet Home. Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Isiza senkampani iShar Civils eyakha iindlela kwindawo ya matyotyombe iSweet Home. Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Lugqejwe olungatsitywa ntwala uphuculo lweendlela kwindawo ya matyotyombe iSweet Home, ngase Philippi, emva kokuba inkampani iShar Civils, eyenza lo msebenzi, igqibe kwelo kuba icime zonke izixhobo nezithuthi zokusebenza.

Isigqibo sale nkampani silandela ukuhlaselwa kubulawe omnye wabasebenzi, nobe ngumqhubi wegandaganda, ebutsheni bale veki.

Esi sihelegu sishiye abasebenzi kunye nabahlali bekhwanqisekile kwaye benovalo bengazi ukuba iya kuzala nkomoni.

Ngokwengxelo lo msebenzi udutyulwe lahlanza iselwa ilanga lihlabe umhlaba, ntoleyo ebangele inkxalabo kuye wonke ubani. Ukuhlaselwa kwalo msebenzi sisiganeko sesibini ukwenzeka kule ndawo oko kwaqala eli phulo. Kunyaka ophelileyo kwagetyengwa oonogada ngobusuku, siganeko eso sathi sabeka lo msebenzi emngciphekweni.

Oyinkokheli kule ngingqi nokwangu mnxulumelanisi nabahlali (community liaison officer) uSiyamboleka James uthe basothukile kwaye banoloyiko lobomi babo. “Singabasebenzi sothukile sesi sehlo kwaye asonwabanga nalapha ngaphakathi emsebenzini. Akhange sicingele ukuba kungenzeka into enje emini lihlabe umhlaba,” uthethe watsho.

Wongeze ngelithi bezinkokheli zokuhlala boyika nokubiza iintlanganiso bathethe nabahlali ngoba abaqinisekanga ukuba kokwenzeka ntoni.

U-James uthe ngokwabantu ababonileyo ngabafanyana ababini abebeme ecaleni kwendlela ngokungathi babukele lomntu usebenzayo abathe benza lo mkhwa. Uthe ingxelo zihambisa zithi uthe xa ejika ugandaganda omnye wabo wasuka waya kumqhubi wanyathela apha evilini yangathi uyakhwela.

“Bame nje imizuzwana embalwa kwabe sekuvakala isithonga bagqiba babaleka,” ucacise watsho uJames.

Usigxeke kabukhali esi siganeko ngelithi sibeka yonke into emngciphekweni njengoko ikokwesibini kusenzeka into kubasebenzi bale nkampani.

“Iyaqala ukwenzeka into enje lihlabe umhlaba. Kunyaka ophelileyo kwafunyanwa oonogada ababini bedunduluzile bedutyulwe basweleka ebusuku. Ngoku kudutyulwa umqhubi kagandaganda ubulawa emini,” utshilo uJames enxunguphele.

U-James usole amapolisa ngokungabonakali ekuhlaleni, wathi oku kunika oonqevu ithuba lokukhwela bazehlele ekuhlaleni.

Umphathi wesiza kwinkampani yakwa Shar Bulelani Beneto uthe umsebenzi usanqunyanyisiwe okwangoku kwaye abakayazi ukuba kuzo buyelwa nini enkomeni. “Sisavalile okwangoku emva kwesisehlo kwaye asikayazi ukuba kuzophinda kuvulwe nini. Nathi sisalinde ilizwi kwabangasentla kunathi basixelele ukuba masithini,” utshilo Beneto.

Othethela isikhululo samapolisa aseNyanga uPatience Sitshitshi uthe ekufikeni kwamapolisa kwindawo yexhwayela abone indoda eneminyaka engama-42 iswelekile. Uthe umfi unabele uqaqaqa ehleli emva kwesiteringa sika gandagada.

Wongeze ngelithi udutyulwe ngemva kwentloko.

“Ugandaganda uye wahamba wayokuxhaswa zizindlu zangasese. Kuvulwe ityala lokubulala. Unobangela ngenxa kunye nomtyholwa ubuqu awaziwa. Kwaye akukabikho umntu ubanjiweyo,” utshilo uSitshitshi.

Ucele nawuphi umhlali onolwazi nobonileyo ngoku bekudutyulwa ukuba aze ngaphambili anxulumane namapolisa aseSamora Machel ku 021 380 3379 okanye ku 086 001 0111.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.