Kuvulwe esinye isikolo esitsha ePhilippi

2020-01-30 06:01
Isikolo samabanga aphakamileyo iPhilippi sivuliwe.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Isikolo samabanga aphakamileyo iPhilippi sivuliwe.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Emva kweminyaka engaphezulu kweshumi, abafundi kunye nabazali besikolo samabanga aphakamileyo iPhilippi besadula befuna ukwakhelwa isikolo esitsha lisebe lezemfundo ephondweni, ekugqibeleni imigushuzo yabo ide yavakala.

Ngethuba kuvulwa izikolo kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo, abafundi besikolo iPhilippi, bangene kumagumbi amatsha.

Esi sikolo besifudula sikwi zindlu zethutyana kwindawo yaseHeinz Park, eMitchell’s Plain, ukususela ngomnyaka ka 2007. Kungoku nje banesakhiwo esitsha, ecaleni kwebala leze midlalo lase Philippi.

Umzali uFumanekile Mvuzo uthe bavuya kakhulu side savulwa esi sikolo. Uyichaze nje ngento ebingabonwabisanga into yokufundela kwabantwana babo kwizindlu zethutyana.

“Ezazindlu bebefundela kuzo bezibanda kwaye zinetha xa kukho imvula, lonto ibibaphazamisa abantwana ezifundweni zabo,” uthethe watsho. Waleke ngelithi bayathemba ukuba abafundi baza konyusa iikawusi nje ngoko befundela kwindawo ekhuselekileyo. “Bekufanelwe ukuba kubulelwe abantwana ababefunda kwesi sikolo kwiminyaka engaphambili ngoba yimisebenzi yabo le yenze ukuba esi sikolo kube kanti sikhona. Ukuba aba bantwana abazange bancame izifundo zabo baqhankqalaze urhulumente ngengekasenzi esi sikolo,” ucacise watsho.

U-Mvuzo uthe luxanduva lwabahlali ukuba isikolo sihlale sikhuselekile. “Akwaba abantwana bethu bebenokubona ukubaluleka kwemfundo bahlukane nohamba beqhekeza ezikolweni. Nathi thina bazali siyeke ukubafihla abantwana bethu xa bemoshile,” ubongoze ngelitshoyo uMvuzo.

Umphathi wezonxibelelwano kwiSebe lezeMfundo eNtshona Koloni uBronagh Hammond ungqinile ukuba isikolo sivuliwe, watsho esithi abafundi baqalisa ukuthutha kunyaka ophelileyo kwinyanga yoMnga.

“Abafundi bazivulele izikolo kumagumbi amatsha kulo nyaka. Ulwakhiwo beluquka izigaba ezibini. Esokuqala sagqitywa ekupheleni kwenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo. Ukanti isigaba sesibini sizakugqitywa ekupheleni kwenyanga yoMdumba kulo nyaka,” ucacise watsho.

U-Hammond waleke ngelithi isigaba sokuqala siquka amagumbi okufundela ukanti isigaba sesibini siquka amabala ezemidlalo kunye nezinye izakhiwo zangaphandle.

Ngokwengxelo lo msebenzi uxabise ama 75 ezigidi zeeranti, ukanti sinomthamo wabantwana abali 1097.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.